Ezindabeni nguBukiwe, emjayiveni nguDJ Zeed!

UBUKIWE ZIDE
akangomfundi weendaba kuMhlobo Wenene FM nje kuphela, kodwa ngoku uzenzela igama
njengeDJ.

UZide, onguDJ Zeed
kuma1s and 2s, wongeza kweminye imisebenzi ayenzayo efana nokuphatha amatheko,
ukuqeqesha abasasazi abakhulayo ngonomathotholo kwaneminye eliqela.

UZide, onkaba iseLibode, uxelele I’solezwe
kudliwanondlebe ukuba kudala enguDJ.

“Ndiqale ngo2010
ndiseMaxesibeni. Kodwa ke ngenxa yokuxakeka ziindaba  ndayeka yonke le minyaka de ndabe ndibuyela
kwakhona kweyoMnga 2018.”

“Lo Bukiwe uyiDJ
ebesoloko ekhona qha egqunyelelwe ziindaba de ndabe ndivula inkampani iBukiwe
Zide Communications  ngo2017. Kule
nkampani ndiye ndathi zonke iitalente endinazo ndiza kuziveza,” kubalisa uDJ
Zeed.

UZide uthi igama
elithi DJ Zeed waliphiwa ngugxa wakhe wasemsebenzini uLuckeez Mfowethu,
elicaphula kwifani yakhe enguZide.

Eli qobokazana
lithi noxa kungelula nje kweli qonga longanyelwe ngamadoda, wenzela oku
ukukhuthaza amanye amanina aziiDJ.

“Akulula ke khona.
Amadoda abanayo la ndawo idelelayo, ngelinye ixesha uye uzive ngathi xa udlala
kufuneka usebenze ngamandla angaphaya ukubonisa ukuba uyayazi le nto uyenzayo,
awufuni kuncediswa.”

Uthi okona aye
wakonwabela kulo msebenzi kukwimpelaveki ephelileyo ngethuba edlala kanye emva
koDJ Pastor Nozewu – nekudala esebenza njengeDJ.

UDJ Zeed
ukwasiqhayisele ngengoma yakhe ezayo ayenze noMajor kunye noNtsepe beGetto ethi
“Wadlal’ uZeed.”

Ofuna ukumbizela
kwimbadla yakhe angathumela imbalelwano kwa: bukiwezide30@gmail.com