Ezobuchwepheshe – HP Elitebook X360 830 G6 Notebook

Kwezi ntsuku kubalulekile ukuba emsebenzini, eofisini, uxhobe ngeziphambili kwezobugcisa belaptop. Kuye kubeyibhonasi ukuba ungakwazi ukuyisebenzisa endleleni nasendlini.

AbakwaHP basethulela iHP Elitebook X360 830 G6, ethembisa ukuba yeyona ilungele ezi mfuno. Sonke siyazazi iikhompyutha zelaptop, kodwa abakwaHP bayenze yakhetheka njani iElitebook X360 G6 Notebook yabo entsha?

Ayiyiyo eyona ikhaphukhaphu kodwa esikalini ibetha koo-1.35kg, kulula ukuyifumbatha uyibeke egxeni. Iscreen sayo esicofekayo singange-13.3 inch, seseWLED ekhanyisiweyo ngasemva, futhi siluhlobo lweCorning Gorilla Glass 5.

Le yeyezimbalwa iilaptop ezakhiwe ngentsimbi yealuminium ngokupheleleyo. Ngamaqhosha kuphela aseyiplastiki. Isithuba sokugcina izinto zakho singange-512Gb.

Isebenza ngeprocessor ye-8th Generation Intel Core i7, iphinde ize ne-Intel UHD Graphics 620. Zininzi izinto esizithande kakhulu kwezi veki zintathu siyisebenzisa le HP Elitebook X360. Isingqi esiphuma kwispika zayo zikanokutsho zeBang & Olufsen.

Kukho neHD privacy camera apha phezulu kwi-screen oyisebenzisa ukuncokola nabanye abantu emsebenzini okanye ekhaya. Okona kulunge ngayo kukuba xa ungayisebenzisi, uyakwazi ukuyivala ngeqhosha, ukuze abanqolobi (hackers) bangakwazi ukubona izinto ozenzayo eofisini okanye ekhaya.

Ukuzikhusela, le laptop ivulwa ngeentlobo ezimbalwa. Uyakwazi ukuyenza ibone ubuso bomniniyo, okanye ivulwe ngeefingerprints, okanye ngamanani athile owakhethileyo, okanye ngomzobo othile kwitouchpad.

Eyona nto intsha apha kukuba le laptop uyakwazi ukuyigobagoba, usiphendulule iscreen, uyilungiselele xa isithuba sincinane, njenga xa uyisebenzisa kwibhanoyi okanye emotweni.

I-operating system evunywa ngabakwaHP yiWindows 10 PRO. Kukho imingxunya emibini ye-3.1 USB Type-C, emibini ye3.1 USB Gen 1. Omnye weSmartcard Reader, omnye weHDMI, omnye weNano SIM nomnye weheadphones/microphone.

Xa igcwele ngumfutho, le laptop ingahlala iimini ezimbini ingadinganga icharger. Lwanele ukhuseleko lwelaptop enomsebenzi wakho ngezo zifana ne-HP Sure Sense, Sure Click, Sure Recover Gen 2 neSure Run Gen 2.

Ikhona nenxaso esuka kwiintsuku eziyi90, unyaka okanye ukuyotsho kwiminyaka emithathu ngabakwaHP South Africa.

Ixabiso lale iHP Elitebook X360 830 G6 yiR27 999.

Silandele kuTwitter ku-@ilisolezwe, kuFacebook ku-Ilisolezwe, nentatheli yethu kuInstagram ku-@dozerdrives.