Faka imfuyo namasimi kumyolelo uzikhuphe engxakini

Bangaphaya kwamashumi amane abantu abazuze uncedo lamagqwetha karhulumente (Legal Aid SA) ngokubhala imiyolelo yabo (iWill ngesingesi) kwiphondo leMpuma Koloni.

Le nkqubo iqoshelisiwe kwiveki ephelileyo, ebibekelwe bucala ekunikeni uncedo kuluntu ngalo mba. Igosa lezonxibelelwano kwiLegal Aid eMpuma Koloni, * -Abongile Tyopo, uthi le nkqubo ikhuthaza uluntu ikwaluncedisa ekubhaleni imiyolelo.

AbakwaLegal Aid bathi ukubhaliswa komyolelo sesona sixhobo sokuthintela iingxabano xa ubani eswelekile.

“Le veki yokucetyiswa koluntu ngemiyolelo, yasungulwa ngumbutho wamagqwetha eli loMzantsi Afrika (Law Society of South Africa) injongo yoko ikukuqaqambisa ukubaluleka kokwenza umyolelo eluntwini,” utshilo uTyopo.

Abafumene olu ncedo lwasimahla ngabantu base-Alivani, eKomani, eGcuwa naseMonti.

Ngokwengxelo, eAlivani, babelishumi elinanye abantu abathe beza ngaphambili bancediswa ekubhaleni umyolelo.

URentia Botha obenceda uluntu eAlivani, uthe, eyona miceli mngeni abathe bayifumana ngamalungu osapho abangisana ngendlu enye eshiywe ngumfi.

“Oko ke kusinika enye yengxaki kwanokubhideka. Kusenjalo kwaba bantu balishumi elinanye bendibanceda babe babini kuphela abasetyhini.

Ntoleyo ithetha ukuba abasetyhini basazibona njengokuba abanawo amandla okuthabatha izigqibo ngeempahla zabo zendlu,” utshilo Botha. Kwidolophu yaseGcuwa bane abantu abathe bancedwa. Igosa ebelinceda abantu kule dolophu nguSinaye Vika. KuKomani balishumi abazuze uncedo ligosa uJean Fryer.

NaseMonti bakhona abathe beza ngaphambili, nangona uninzi lwabo luze seliqalile ukwenza isicwangciso somyolelo. Bafumene uncedo ku-Imkita Salmane.

UTyopo uthi ukushiya isabelo selifa kubalulekile kwaye akuyonto yabantu abathile.

Ezinye zezinto ezibalulekileyo ezingathi zifakwe kumyolelo ukucutha izinga leengxabano kwiintsapho ziquka umzi, imfuyo, amasimi, iimpahla, iimoto kwakunye nemali.