AmaXhosa abhajiswa kwasemaqhingeni awo. Liqhinga loodlalani ukuthi “sakubona emntwaneni,” neloosomaqhetseba babazali ukuthi “sakuza kufanisa.” Akuzalwa umntwana kuthi kukhonjwa iinzwane kube kusithiwa “akukho kwanto yethu apha, lilahle eli!” Imveku ibe ipecululwa unobenani.
Hayi ke kambe nazo iintombi zethu ngobuxelegu! Yanqaba okweempundu zelawu into yokunika inyosi intyatyambo. Inene kulusizi kwabasazalayo nakwabasazalwayo, andazi kothi kusisa kube kunjani na kwabangomso!
Apha ekhaya ndingomnye wabathenjwe kakhulu, ngabaninawa nangabakhuluwa nangoobawokazi. Kubo ndingulowo ukhonkxwe ngamakhamandela enyani, njengokuba bona bekhululekile nje. Sele ndazimisela ekubeni ndiyilibale into yokuzama ukuyiqondisa nokuba ikekele. Ukuba andithanga ndinyanise sukube ndinikw’ imbila ngentloko okanye ndibethwe ngemf’ iphindiwe.
Le mpi yakuthi ithi yakubhabha apha ekuhambeni indikhangele apho ndingakhoyo. Kubo ndiyimpobole yezimanga zabo nangona ndisanuk’ amasi kama nje.
Kaloku amawethu ngabantu abahle. Bobo buhle ke okubenza amahashi omoya okwebhabhathane lekilisimesi; abazidephiseli. Ndiligudlandlu nje mna ndenziwa bububi, kungenjalo nam ngendilelo hashi lomoya.
“Rhudulu, ngawufanise nawe mfo kabhuti; ubona ntoni wena?” Abuze atsho ubawokazi esitsala kunye kwimicimbi emininzi yalapha ekhaya, ngathi ndingumntakwabo kanti ke uyandizala. Uthi wakufika ke lowo mbuzo ndiphendule ngowam othi “uthini umenzi?”
Ukuba libuya lisithi uthi nguye ndiyangqina nam, ukuba lithi uyakhanyela ndithi makuyiwe kubazi beendaba bakwamlungu batwele – “iziphumo zegazi kuthiwa azixoki Gengeshe!”
Iyandidina into yamahilihili ahamba abuye sele engazazi namagama awo. Ndibizelwa nabasele bejonge ekwendeni okanye esuthwini, kuthiwe mandiphawule, ndixakwe ukuba ixesha eli bekusithiwani na.
Ndadinwa ke kukube ndiziqhekeza intloko ngaloo nqala. Nokuba sele ndingaboni nto yakuthi kulowo kuthiwa mandimfanise, ukuba lowo undimemele ukufanisa ngumtyholwa ngokwakhe kwaye ukhangeleka ngathi ukholisekile, ndithi “nguye Washota, makondliwe sizobanomntu”.
Ungatyholwa emntwaneni sukube wenze okuziphimo zinjalo nokuba asinguwe ngenene na uyise. Xhamla ke kuba nawe uyisebenzile indima! Akukwazi kaloku ukusuka ukhonjwe nje ngokwenkomo efandesini.
Kukhonjwa wena nje wenze okumilise koko. Wakutyala endimeni, nokuba kuphume isithombo sezimba endaweni yesombona, umlimi wako kokubini nguwe. Akukwazi kaloku okwenzeka phantsi komhlaba, kwanokuba ukhozo olu lujika njani na lube lidiza. Akuna kukhanyela nto ke naxa kuvele izimba ubutyale umbona kuba nombona lowo akuwazi uza njani na.
Ukuba indima isekwayileya ubutyale kuyo umbona, lelakho nezimba elo, nqwa nolibo lwekammelwane olunabele kweyakho!
Into yokufaniswa komntwana ngeliso lenyama ngamaqhinga! Ndisitsho nje ndiyazi kuke kuchane maxa wambi. Lo uthi kuza kubonwa emntwaneni sukube egqibile ukuvuma ukuba naye unamathuba alinganayo okuba ngowakhe lowo mntwana. Naye utyalile endimeni nokuba kungeliphuma umgquba kuphela na; iintanga zigalelwa emgqubeni kakade.
Umzali owamkela imbudede enjalo sukube enyeke ukubaleka neesali ihashe lingelolakhe, intombi engayiboni ifanele umzi wakhe. Nabakhanyelwayo sukube kukho ubuxelegu abakrokrelwa kubo.
Ukuba intombi ikhanyelwe, nokufanisa oko makusele kuyekwa kuba kusisonyeliso esiphindiweyo. Intombi sele ibonise ubudlava ngokumitha, ukukhanyelwa kukonyeleka ngokuphindiweyo, kubandakanya nekokwayo kwanemveku leyo ikhanyelwayo.
Unyana okhanyelayo yindladiya engafanelwe ntombi yamntu, musa ukuba sabuye uvume nentombi yakho naxa athe wabuya wabhadla. Nina nikhonjwayo buthwaleni ubutyhakala benu.
Kambe ke, bobabini umtyholwa nokhanyelayo abathakathwanga bazithakathile. Goba msenge iibhokhwe zikutye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM