Fikeni: Ubuqhophololo buyibulele iMpuma Koloni

“IMpuma Koloni idinga ubunkokeli obuluqilima, isikhokhelo esiphilileyo ukuvala iyantlukwano yopolitiko ebulala eli phondo.”

Oku kuthethwe nguNjingalwazi Somadoda Fikeni ngethuba ethetha nabafundi kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMthatha kwiziko eliseNelson Mandela Drive kubusuku bangoLwesibini.

Le ngxoxompikiswano ibiququzelelwe liqumrhu labucala i-Livity Africa ngeenjongo zokukhuthaza abantu abatsha bathathe inxaxheba kwidemokhrasi nezopolitiko.

UNjingalwazi Fikeni ubalule izinto ezifana nokungabikho komanyano kweli phondo, ukuzonda izinto ezakhiwa ngexesha lorhulumente wangaphambili, nengxaki yamabango omhlaba egubungele ummandla waseMthatha.

“Ingxaki yokuqala edala imeko ibembi eMpuma Koloni, zange kwenziwe uxolelwaniso ngethuba kufika lo rhulumente, ukungasonjululwa kwamabango omhlaba amaninzi natyabula izigidi zeerandi kwenza nophuhliso luqhwalele. Kuthe kusenjalo kwafika ikomishoni kaNhlapho yashiya iintanda kwiinkosi zemveli, kuphinde kubekhona ukungaboni ngasonye phakathi kweenkosi zemveli namagosa avotelwayo afana nooceba,” utshilo uFikeni.

Ukwagxeke iinkokeli zopolitiko eziphezulu nezizalelwe ephondweni, kodwa ezingatyaliyo kuphuhliso lwephondo.

Umemelele intsebenziswano phakathi kwamasebe karhulumente ayeke ukukhuphisana, koko ancedisane ngenkqubela.

“Ubuqhophololo nokuqeshana ngopolitiko buyibulele iMpuma Koloni. Akukho nkqubo zokuphuhliswa kwamaphandle, nto leyo ikhulisa ukuxhomekeka kwiimveliso zamanye amaphondo.”

UNjingalwazi Nomfundo Luswazi waseWSU uthi, uqoqosho lwale ngingqi yaseMthatha luxhomekeke kuphuhliso lwamaphandle. Uthi eli ziko sele lisekugqibeleni ekubeni kuqale icandelo lolimo ukufezekisa iinjongo zophuhliso lwamaphandle nokusondela ebantwini.

UBaxolise Dlani oyingcali yophuhliso uthi, abantu abatsha mabaziqhelise ukuzenzela ukuziphuhlisa.