Former Freedom Fighters?

Endifuna ukuphandelwa kukuba ingaba iiComrades ezazizabalaza ngela xesha lengcinezelo, zingazange ziye kwi-TRC, zingazange ziqatshelwe, zingaba zingaya kweliphi na icala?

Ndibuza lo mbuzo kuba kukho iiFormer Freedom Fighters ezaziphuma zingena ejele, ndithetha nawe nje ngoku ziqubha kumdiliya omfaxangiweyo, ezinye zigcakamele ilanga, akukho namnye umntu okhathalele ukubazi ukuba bayaphi, benza ntoni, abombutho olawulayo ababajongi nokubajonga.

Kanti ke i-ANC ikule ndawo ikuyo nje yingxokolo nombhadamo wentshukumo owawusenziwa ngabo, ingakumbi indawo ekungekho kwaphuhliso lungako kuyo, indawo ekuthiwa yiKhobonqaba (Adelaide)

– Ongafuni ukuchazwa, eKhobonqaba