‘Funxani imbali ngoMadiba’

Umphathiswa wesebe lezenkcubeko nobugcisa kuzwelonke uNathi Mthethwa ukhuthaza uluntu esithi iziko lokulilifa iNelson Mandela Museum malityelelwe rhoqo ngenjongo zokuzuza ulwazi nokubonga igalelo lakhe kwihlabathi liphela.

UMthethwa ebethetha ngethuba kuphehlelelwa ngokutsha eli ziko eMthatha izolo emva kokuhlaziywa ngemali elinganiselwa kwi-R63 yezigidi zeerandi (R63 million).

Oku kwenziwe kwangqamana nosuku lokubhiyozelwa kosuku lokuzalwa kukaGqirha Nelson Mandela olubhiyozelwa ngomhla we-18 Julayi. Ukuhlaziywa kweli ziko kuqale kwiminyaka embalwa edlulileyo ngeenjongo zokuphucula umgangatho walo ukuze liphinde lithethe ngobomi bakhe.

“Eli ziko lilifa lesizwe nengomso, izinto ezizofumaneka lizoba ngumfuziselo wokusebenza ungajonganga nzuzo, umanyano, noxolelaniso. Makuqhutywe kulandelwe apho uMadiba ashiye khona, singevi ukuba litshisiwe ngenye imini ngenxa yemisindo yogwayimbo kwaye usuku lokuzalwa kukaMadiba ayilosuku lufana nezinye iimini lukhethekile,” kutsho uMthethwa.

UThulas Nxesi omgumphathiswa wesebe lemisebenzi yoluntu kuzwelonke umemelele ekubeni eli ziko lihlaziywe rhoqo. uNxesi uthe baze neqhinga lokujongana nale ngxaki esithi lizohlaziywa lisebe lemisebenzi kule ngingqi libambisene neKoega.

Ukuvulwa kwakhona kweli ziko kulindeleke kudlulise imfundiso ngegalelo likagqirha Nelson Mandela ngethuba esadla amazimba.

UNozuko Yokwana ongusihlalo webhunga laseNelson Mandela Museum uthi ukuvulwa kwalo yintsika kwizinto ezazilwelwa leli gqala, kuphawulwa nomsebenzi osaqalayo wokubhalwa ngokutsha kwembali yakhe. Ucele abantu balikhusele eli ziko umhla nezolo ngethuba lizofundisa ulutsha nabantu ngokubanzi.

Kwelayo icala inkulumbuso yephondo lempuma koloni uPhumulo Musualle uthi urhulumente wephondo uchulumancile ngokuqinisekisa ukuba le projekthi ibayimpumelelo kanye ngolu suku lokubhiyozela iminyaka eyi98 wazalwa uMadiba

Ukwathi izobonakalisa igalelo labantu abalwela inkululeko exhanyulwa kule mihla abaquka Madiba nabanye.

Kusenjalo eli sebe lobugcisa nenkcubeko lithi ukwakha isizwe kuphakathi kwezinto eziphambili elime ngazo eli sebe. Phakathi kwabantu abebezimase lo msitho baquka oosekela baphathiswa bakazwelonke, abaphathiswa bephondo leMpuma Koloni abaquka uMlibo Qoboshiyane, Nancy Sihlwayi, iinkosi zomthanyama nabanye.