Gade: Masinganyanzeliswa ziinkundla zomthetho ukuze sakhe izindlu zangasese

Kunikezelwe ngezindlu zangasese kwisikolo samabanga aphantsi iSandile SPS KwaSandile, eTsholomnqa eMonti. IMIFANEKISO : BHEKI RADEBE

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade uthi urhulumente makanganyanzeliswa ziinkundla zomthetho ukuze akhe izindlu zangasese. 

OkaGade ukuthethe oku ngethuba kunikezelwa ngokusesikweni ngezindlu zangasese kwisikolo samabanga aphantsi iSandile SPS, eTsholomnqa eMonti. 

Ezi zindlu zakhiwe yinkampani iMoon and Earth Project nesebenza ngokugutyula ilindle.

Umakhi wezi zindlu zangasese uMadoda Tshokotshi uthi watsalwa sisicelo esasivela kwinqununu yesi sikolo. 

“Wathi [Inqununu] kukho isidingo sala magumbi angasese ngakumbi kwabo baqala isikolo [Grade R]. Ndithe nam xa ndilapha ndabona ukuba xa befuna ukuzithuma ngasese baya emahlathini, nto leyo exhalabisayo kuba aba bantwana bayaxhwilwa, badlwengulwe, ingakumbi abo bangamantombazana,” utshilo uTshokotsha. 

Lo kaTshokotsha uthi wawenza kwesi sikolo amabanga aphantsi de waphumelela ibanga lesihlanu ngonyaka ka1992. 

Ukwathe inkampani yakhe iMoon and Earth Project igutyula ilindle kwizindlu zangasese eziyimingxuma, kwizikolo nasemakhayeni. 

Ubalule igalelo lakhe ekwakheleni izindlu zangasese kwisikolo iLuna JSS esiseMbizana apho kwasweleka umfundi kaGrade R uLumka Mketwa emva kokoyela kwindlu yangasese kunyaka ophelileyo. 

Ukwancedise ezikolweni  ezibalelwa ku-8 eziseMbizana kunye naseBhofolo ekugutyuleni ilindle nokufaka izindlu zangasese ezisemgangathweni.

UTshokotsha uthi wazibandakanya kolu shishino emva kokubona ukuba emva kweminyaka izindlu zangasese eziyimingxuma ziyagcwala zibe kwimeko yokungasetyenziswa. 

UGade ulincomile eli galelo walayamanisa nekhwelo elihlatywe ngumongameli wezwe uCyril Ramaphosa elithi “Thuma mina,” ngelicela igalelo kubemi beli ukuba bafake isandla kukhawuleziswe ukuziswa kweenkonzo zikarhulumente eluntwini. 

Uthe: “Lo mnikelo wenziwe lolu sapho lwalapha kwatata uSandile siwutolika ngohlobo lokuba kukusabela ikhwelo ebelihlatywe ngumongameli welizwe lokukhweba oosomashishini ukuze bafake isandla kuphuhliso lwelizwe.”

UGade ukwathe ugutyulo lwelindle ngumba obaluleke kakhulu njengenxalenye yamalungelo abantu, nto leyo ibangela ukuba umthetho unyanzelise urhulumente xa ungenzeki. 

Ukwathe: “Xa kuthe kwakho umntwana wesikolo owoyela kumngxuma wendlu yangasese ebolileyo kungenelela umthetho. Yiyo lo nto ndingalithathi kancinci eli galelo lolu sapho.”

USihlalo webhunga elilawula isikolo uSomila Mbaliso naye wenze umbulelo egameni labafundi, abazali nootitshala besi sikolo.