Kukho isiphithiphithi kumakhasi onxibelelwano ukusukela oko umbutho omkhulu woonobuhle eMzantsi Afrika, uMiss SA wabhengeza iTop 30 equka uChidimma Vanessa Onwe Adetshina onotata ongummi waseNigeria.
Izinto zikhawuleze zajika zamuncu kweli nenekazi lineminyaka engama23 ubudala laseSoweto, eGauteng, emva kokuba abantu bengaboni ngasonye malunga nokudlulela kwakhe kumjikelo olandelayo wolu khuphiswano ngenxa yemveli yalo yaseNigeria.
UChidimma wazalelwa eMzantsi Afrika kwaye umama wakhe ngowaseMzantsi Afrika ngelixa enomxube wemveli yaseMozambique.
Uxwebhu lwezikhalazo lwenziwa lubhongoza ukuba akhutshwe kukhuphiswano.
Ngorhatya lwangoMvulo, uMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie ephendula umntu kwikhasi lakhe likaX (eyayisaziwa ngokuba yiTwitter) obuze ukuba uziva njani ngale meko, uthe: “Ndisandula ukubuya eParis kwaye ngokuqinisekileyo ndiza kufumana ulwazi oluthe kratya ngomso, ngenene asinako ukuba nabantu baseNigeria abakhuphisana kukhuphiswano lwethu lukaMiss SA. Ndifuna ukufumana zonke iinyani phambi kokuba ndiphawule kodwa iyamangalisa ngokwenene.”
Kwiveki ephelileyo inkokeli ye-EFF, uJulius Malema, uthethelele uChidimma. Uthe, “Ubumi bakho buxhomekeke apho wazalelwa khona, ngoko ukuba wazalelwa apha, ungummi waseMzantsi Afrika. Ayinamsebenzi lonto – akangobazali bakhe, yena unguye. Ke kutheni kusithiwa ungowaseNigeria okanye eMozambique? Wazalelwa apha.”
UMalema uthe asinakohlwaya abantu ngokwemvelaphi yabazali babo kwaye le yimibandela ephehliswa ngabo basasaza intiyo phakathi kwamaAfrika.
Ividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano kaChidimma kunye nosapho lwakhe kwicala likatata wakhe bebhiyoza yongeze amafutha emlilweni.
Inkokeli yeActionSA, uHerman Mashaba ehlomla ngale vidiyo kuX uthe, “Eli gqiyazana lizibeka esichengeni ngokuzibandakanya nabantu ekusenokwenzeka ukuba balapha eMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni. Umbono ombi.”
Ngokwalo mbutho woonobuhle uMiss SA, enye yeemfuno zabo zokulungela ukhuphiswano kukuba umenzi-sicelo abe ngummi waseMzantsi Afrika kwaye abe nesazisi okanye ipasi elisemthethweni laseMzantsi Afrika. Ukuba umenzi-sicelo unobumi ababini, kufuneka anike iinkcukacha zazo zombini.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis