Gcina impilo-ntle yesidalwa esingumntu

Ixabiso lesidalwa esingumntu alinakulinganiswa nanto, nelegolide imbala litsho ngaphantsi kulo.

Ke kaloku ke kufanele ngandlela zonke ukuba esi sidalwa sikubaluleka kangaka sikokoswe ngandlela zonke ukuze singatshabalali.

Ngeli thuba lonyaka kwilizwe loMzantsi Afrika kuphepheza umsinga womoya obanda de uye kuthi xhokro emongweni, ohlisa amahlwantsi ngomhlana. Bambi bagagana nalo msinga kuphela besakuth cakatha phandle beshiya imfudumalo yamakhaya nezakhiwo zemisebenzi, kanti kukho abo bantsentsethwa nguwo imini nobusuku ngokunga ubabuza imvelaphi.

Bambi baziindwane banabele uqaqaqa ngokoyiswa zizithonga zawo. Kuthi kusakuba njalo ke kusike amazants’esisu emntwini endinguye ndifikelwe yimfobe, ndicinge ngawo onke amaxhoba aphilayo alo msinga womoya.

Kungathekani ukuze abe kanti ayasinda kulo msinga womoya ungenalusini. Impendulo inye, yileyo iselubala, ithi angakhuselwa kuphela yimfudumalo. Mfudumalo leyo iza ngeendlela ngeendlela: ukubaswa kwemililo, ukuzithi wambu ngeempahla kunye neengubo ezimfumamfuma.

Liyalondolozeka ixabiso lomntu esakubhaqa imfudumalo, uba nempilo entle, imihla yakhe yoluleke.

Kungoko ke ndinomqweno wokuba ubani nobani onacebo lithile elayamene nokunika imfudumalo kumaxhoba omsinga womoya obandayo , abo bangenazindawo zokufihla iintloko , ukuba alule isandla anikele ngalo nto anayo kuwo nokuba ngumrhaji wengubo wena akunani, akuyi kufana, yinto enkulu leyo kumntu olambathayo, uyakuwuthatha azithi luqe ngawo kuthi qabu noko kancinci azuze impilo yakhe kwakhona.

Yenza okuhle ngakumbi nangakumbi ngale nyanga sibhiyozela ngayo umhla wokuzalwa kongasekhoyo ubawo uNelson Rholihlahla Mandela, umfo owayeyimvuzemvuze bubele elazi ixabiso lale nto ingumntu, owayengasoze angabi namfobe xa ebona umntu entyumpantyumpeka ezinzingweni, ethothelwa lixabiso.

Wayesuka umfo kaMandela enze amatiletile namatatiyanqo aphucule loo mpilo imfiliba ngalo ndlela anako ngayo, yiyo lo nto ashiye umzila omhle nomkhulu kangaka kweli lizwe.

Yatyapha ibekho nayo intombi yakwaSteyn, uCarolyn, eyavela nephulo lokuthunga iingubo ezingamashumi amathandathu anesixhenxe (67 Blankets for Nelson Mandela Day) ukungqinelana nombhiyozo wokuzalwa kwexhego lakwaMandela ngomhla weshumi elinesibhozo kuJulayi,  sithethanje kukho iimpilo zabantu eziza kulondolozeka ngenxa yeli linge layo lihle kangakanana.

Anga ngamnye kuthi angazeka mzwekeni kwezi ndlezana zimbini ndizichaphazeleyo ngasentla,  athi jize amaxhoba ale ngqele ingenalusini ngesipho esiyimfudumalo, zilondolozeke iimpilo zawo.