Gcina iziphu yakho iphezulu eKhayelitsha!

Kapa:

Inani labantu baseKhayelitsha linyuka mihla le nto leyo ibangela ukuba kubekho ukuqhwalela kweenkonzo ezithile kwezempilo. Yimingeni eliqela ejamelene nezempilo kulo mmandla.

Oku kuvele ngethuba kubanjwe imbizo yezempilo kwiHolo yoLuntu eSite B eKhayelitsha ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo.

Kule mingeni kuquka ixesha elide lokulinda kumaziko ezempilo kule ngingqi nekutyholwa ukuba kubangelwa luluntu ngokubanzi kuba lingathatheli ingqalelo amaxesha abawanikwa kumaziko ezempilo kwaneminye imingeni yezentlalontle eluntwini eKhayelitsha.

“EKhayelitsha ukhuseleke kakhulu ukuba ugcina iziphu yakho iphezulu ungabelani nje nakanjani kwezesondo kuba elona gongqongqo elingumbulali eKhayelitsha yintsholongwane kaGawulayo,” utshilo uDavid Banzi ongumanejala kwezempilo eSite B eKhayelitsha.

UBanzi uthi enye into yesibini engumbulali ludushe lwemilo ekhokelela ekusutyweni kukufa kwabantu. Esitsho kananjalo ukuba kwinkonzo yezempilo bayazama ukunciphisa izinga lentsholongwane kaGawulayo.

Uthi likho iphulo elibizwa ngokuba yiGame Changer elamiliselwa yinkulumbuso uHelen Zille, nalapho kubakho ungelelelo lokunyanga ngokwasemphefumlweni lowo uthe wagaxela kwizehlo zemilo esele utywala, akwazi ukufumana uncedo angaphindi agaxeleke kwizehlo ezinje.

OkaBanzi uthi oko kwakunceda ukunciphisa inani labantu abaya kumaziko ezempilo khon’ukuze kunike oomongikazi nooGqirha ithuba lokuba bajongane nezigulane ezixhalabisekileyo.

Ezinye zeengxaki ezombethe iKhayelitsha kukuhlaselwa kweenqwelo ezithwala izigulane, nalapho kufuneka ukuba ziphelekwe ngamapolisa ngelizama ukhuseleko, yaye oko kubangela ukuba zithathe ixesha ukufika de isigulane siphulukane nomphefumlo ngenxa yokulinda ixesha elide.

Ukuphangwa kweenqwelo zezigulane kwiilokishi zaseNtshona Koloni kwabangela ukuba kuphakame uMphathiswa wezeMpilo ePhondweni uGqirha uNomaFrench Mbombo, nalapho wayefundisa uluntu malunga nokukhuselwa kwamagosa ezempilo kwiinqwelo ezilayisha izigulane.

“Zemka iinkomo magwala ndini! Ukuba abaphakami ngokwabo bazenzele kuza konakala kakhulu ngoba abantu abahlasela iinqwelo zezigulane babangela ulibaziseko, oko kukhokelele ukuba ziqhwalele ngakumbi iinkonzo zezempilo,” utshilo okaBanzi ngethuba edlulisa umyalezo kubahlali ebebeyinxalenye yale mbizo yezempilo.

Wongeze ngelithi ingaphela nya inkohlakalo eyenzeka eKhayelitsha, babhentsiswe abo bophula umthetho khon’ukuze bagcinwe eziseleni.

Abahlali bavumelene ngazinywe ngelithi baza kuzama ukusebenzisana namapolisa kwanokudiza abo babandakanyekayo ukuzama ukwehlisa izinga lolwaphulomthetho.

Kananjalo abahlali bayavuma ukuba luninzi lwemikhon’eekati ehleli kwizandla ezingalunganga. Bathi lingancipha ngakumbi izinga lokonzakaliswa, kubulawa abantu ukuba kungavalwa kwangethuba iindawo ezizishishina ngotywala ekuhlaleni.