Gcwalisani iitanki zenu, amaxabiso epetroli ayenyuka!

Abaqhubi beemoto bazakugrumba nzulu ezipokothweni nanjengoko amaxabiso epetroli nawedizili kulindeleke ukuba anyuke.

UMphathiswa weMithombo yeziMbiwa naMandla uGwede Mantashe ubhengeze ukuba kuza kunyuswa amafutha ukusukela ngoLwesithathu, umhla wesintandathu kweyoKwindla.

Zombini ezi ndidi zepetroli ziza kunyuka ngeR1,21 ilitha, ngelixa idizili iza kunyuka phakathi kweR1,05 (0,05% sulphur) kunye neR1,19 (0,005% sulphur) ilitha.

ISebe leMithombo yeziMbiwa naMandla libalula ukonyuka kokuhla kwexabiso lerandi xa itshintshelwa kwidola.

Emva kokunyuka kwamaxabiso, ilitha yepetroli ye95 Unleaded iya kuxabisa iR23,73 eMpuma Koloni, KwaZulu-Natal, eNtshona Koloni naseMntla Koloni, ipetroli ye93 Unleaded yona iza kuxabisa iR23,41 kwaye ixabiso le50ppm ledizili liza kunyuka liye kuma kwiR21,91.

Ngelixa ipetroli ye95 Unleaded iza kuxabisa iR24,45 eGauteng, eMpumalanga, eFreystata, eLimpopo naseMntla Ntshona, ipetroli ye93 Unleaded ixabise iR24,13, ize i50ppm yedizili ixabise iR22,62.

Ixabiso leparafini liza kunyuswa ngeesenti ezingama-64 ilitha, kwaye elona xabiso liphezulu lokuthengisa igesi yeLP linyuka nge-41 yeesenti ngekhilogram.