Gigaba: Kunzima kwezezimali

IXESHA limkile, abantu baseMzantsi Afrika bafuna inkqubela-phambili kuphuhliso lweempilo zabo. Oku kuthetha ukuba ixesha lokuthetha malidlule, kufike elokuba kwenziwe.

Le yinxalenye yentetho yohlahlo lwabiwo-mali lwaphakathi enyakeni eyenziwe nguMphathiswa wezimali uMalusi Gigaba ePalamente eKapa izolo. Le ibiyintetho kaGigaba yokuqala kulandela ukungena kwakhe kwesi sikhundla ekupheleni kwenyanga yoKwindla emva kokugxothwa kukaPravin Gordhan.

Abantu abangaphaya kwamashumi amathathu ezigidi kweli lizwe baphila endlaleni, ngemali engangewaka leerandi (R1 000) ngenyanga, into ethetha ukuba akukuhlanga ngokwezoqoqosho.

Phambi kokuba athethe uGigaba amalungu e-EFF, uGqirha Mbuyiseni Ndlozi noFloyd Shivambu, aphazamise inkqubo yokuthetha kukaGigaba besithi asokuze bavumele “isituji (umntu osetyenziswa ngabanye) sikaGupta”.

Ude wabekanti uyathetha uGigaba emva kokuba uShivambu exelele uSomlomo uBaleka Mbete ukuba bona beyi-EFF abanokuze bamamele “ububhanxa” obuthethwa nguGigaba.

Ngokwentetho kaGigaba, amathuba eentshukumo zezoqoqosho athande ukuba mfiliba noxa nje urhulumente etabalaza. Enye yezinto eziqhwalelisa ukukhula kwenxili yesizwe kukudodobala kweNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS) ekuqokeleleni irhafu nanjengoko iyimali ebalelwa kwi-R50.8 yeebhiliyoni ethe yasilela ngayo le Nkonzo ukusukela ngo2009.

UGigaba uvumile ukuba ukungasebenzi kakuhle kwamaqumrhu karhulumente (State Owned Companies) kudodobalisa uqoqosho. “Kuza kufuneka iphele into yamaqumrhu karhulumente anxanelwe ukuhlangulwa ngurhulumente ngenxa yokungakwazi ukulawula imicimbi yawo.”

UGigaba uthi kuza kutyunjwa ibhodi entsha kwa-Eskom ingaphelanga inyanga yeNkanga. Oku kuza emva kokutyunjwa kwebhodi entsha kwaSABC nakwa-SAA.

Ngethuba uGigaba esenza intetho yakhe, irandi ihle yayokuma kwi-R13.95 xa ithelekiswa nedola yaseMelika. Imali ekwi-R44 yeebhiliyoni kwiziseko zemfundo.

Imali engeniswa kwinxili yesizwe eyaziwa njengeGDP (Gross Domestic Product) yehle nge-0.7%.