Ginsberg: ‘Sidiniwe kukulinda ubuxoki’

Abahlali bakwilokishi iGinsberg eQonce, bavale indlela beqhankqalaza befuna izindlu neenkonzo eziphucukileyo Umfanekiso: Bheki Radebe

Bazijule ijacu abahlali baseGinsberg eQonce benikezela ngempilo zabo ngethuba beqhuba uqhankqalazo olunyanzelisa ukwakhelwa izindlu ngurhulumente kunye nomasipala waseBuffalo City.

Unobhala wombutho wabahlali iGinsberg Civic Association uThemba Simanga, uthi kudala besenza iinzame zokuba kwakhiwe izindlu eGinsberg.

“Izindlu zokugqibela apha zakhiwa phakathi konyaka ka1994 ukuya ku1998 emva koko asizange siphinde sibone zindlu zisakhiwa apha. Senze iinzame ezininzi ukucela ukuba sakhelwe izindlu,” ucacise watsho uSimanga.

IGinsberg izenzele igama ngokuba likhaya loosaziwayo kwezopolitiko abaquka uSteve Biko owasungula iBlack Consciousness Movement ngeminyaka yoo1970.

“Ulutsha lwalapha luhlala emakhayeni alo nangona sele befike kwinqanaba lokuba bazimele kwiindawo zabo, azikho izindlu, asifumani zimpendulo,” uthethe watsho uSimanga.

Uthi ukunqumama kolu qhankqalazo kuxhomekeke kwimpendulo abaza kunikwa ngamagosa akwamasipala nakarhulumente wephondo.

“Ngo2013 safaka umqulu wezikhalazo zethu ezaziquka izindlu ezingakhiwayo apha eGinsberg, siphinde safaka omnye umqulu wezikhalazo kwamasipala ngo2015, zonke ezo nzame ziwa kwiindlebe ezingevayo, sidiniwe kukulinda ubuxoki,” ucacise watsho uSimanga.

UNosiphiwo Ntame uthi uneminyaka engamashumi amane ehlala eGinsberg phantsi kweemeko ezibeka impilo yakhe neyosapho lwakhe esichengeni.

“Sihlala nenkunkuma ezitalatweni, akukho nolunye uhlobo lweenkonzo zikamasipala esizifumanayo apha, andisathethi ke ngale yezindlu ingxaki, asijiki kwesi isihlandlo sixolele ukufa,” uthethe watsho uNtame.

Abahlali babase umlilo ngamatayara bevala le ndlela ixakeke kangaka iWoodhouse egqitha kwibhlorho iSteve Biko kufutshane neziko iSteve Biko eGinsberg.

Ulutsha belukulungele ukuzigalela emapoliseni ngelizama ukubonakalisa intlungu yabo bengabahlali. “Sixolele ukufa sifele inguqu eGinsberg, sifuna izindlu zethu, kudala sihlala emakhaya,” utshilo umhlali.

Othethe egameni leSebe lokuHlaliswa koLuntu eMpuma Koloni uLwandile Sicwetsha, uthi zikho iinzame ezenziwa lisebe lakhe ukusabela ingxaki yaseGinsberg.

“Sikwiphulo lokwakha izindlu eGinsberg, umhlaba sele ufumanekile, ngoku kwenziwa uphando olukhangela ukuba ufanelekile kusinina lo mhlaba ukuba kungakhiwa kuwo izindlu,” uphendule watsho uSicwetsha.

Uthi akalazi okwangoku inani lezindlu eziza kwakhiwa lisebe lakhe eGinsberg.

Ukanti uSamkelo Ngwenya othethela umasipala waseBCM akafumanekanga ukwenza ilizwi egameni lomasipala.