Gomba: U ‘Andidikwe’ wam akathethi kudinwa ngumsebenzi

USindiswa Gomba ubhale kuWhatsApp exolisa kuMphathiswa kazwelonke
UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba uxolisile kuMphathiswa wezeMpilo kuzwelonke uGqr. Zweli Mkhize, kulandela intetho yakhe ngethuba elebela udliwanondlebe ngokuhlwa kwangoLwesibini.

Xa sele elugqibile olu dliwanondlebe nomabonakude, uGomba uthe “andidikwe” kanti usavakala emoyeni.

Oku kudale isankxwe kumaqonga onxibelelwano abanye bememelela kwiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ukuba igxothe lo kaGomba logama abanye bebekhwela bezehlela.

“Ngoku ndithi ‘Andidikwe’ bendisuka kwiLaptop ndiza kuthwala iqhiya. Ndiyaxolisa kakhulu ngendlela etolikwe ngayo intetho yam. Ndizinikele ekulweni le ntsholongwane (Covid-19),” utshilo uGomba.

Izolo uGomba ukwabhalele uMkhize uWhatsApp exolisa. UGomba uthi ebetyelele izibhedlele eMthatha ngoLwesibini kwimozulu ebinetha futhi ibanda.