Gordhan: abantu bafuna iintshukumo kunezicwangciso

“Abantu belizwe loMzantsi Afrika abanqweneli kubona zicwangciso, koko bafuna ukubona iintshukumo ezizakwenza umahluko kwimeko yabo yezimali”.

La ngamazwi omphathiswa wesebe lezimali kweli uPravin Gordhan ngethuba esenza intetho ephambili kwindibano yezoqoqosho (Economic Indaba) yeli ebanjwe ngurhulumente wephondo laseRhawutini eWoodmead.

Uthi iinzame zokukhulisa imali yamazwe aseAfrika izakunceda ukutshintsha impilo yabantu belizwekazi laseAfrika ngokubanzi.

“UMzantsi Afrika umele wenze amacebo okuvuselela imeko yezimali ngokuthi usebenzise ezona ndawo sinamandla kuzo,” utsho uGordhan.

Uhambisa athi, abantu bayoyika kakhulu ngenxa yeemeko zemali yehlabathi, kodwa eli loMzantsi Afrika liqhuba ngcono kunamanye amazwe aseAfrika.

“Abantu bafuna ukubona umgama neenzame esele zenziwe ngurhulumente ukuguqula imeko yezimali,” utshilo.

Le ngxoxo ngemeko yezimali zephondo laseRhawutini ivele emva kokuba inkulumbuso yela phondo uDavid Makhura edize oku ngethuba esenza intetho yobume bephondo ngenyanga yoMdumba.

“Sijonge ukubeka iphondo laseRhawutini kwimeko apho lizakukwazi ukuhambelana neenzame zamazwe akumazantsi eAfrika (SADC), iAfrika amazwe eBrics ukuze sikwazi ukukhuphisana nawona mazwe aqhuba kakuhle kwizimali,” uthethe watsho uMakhura.

UGordhan ebesenza intetho ephambili kulo mcimbi njengentloko yezimali eMzantsi Afrika.

Uhambisa athi, imeko yezimali yoMzantsi Afrika ayinakumelana nokuba kukhule inani lezinana lo gama besebaninzi abo bahluphekayo elizweni.

“Umsebenzi esiwenzileyo ukuzama ukuba imeko yezimali yethu ibenozinzo, kuzelwe amaduna namathokazi kuba kwezi nyanga zintandathu zizayo asilindelanga ngxaki,”utshilo uGordhan.

Uthi imeko yezimali yoMzantsi Afrika ayikwazi kutsala umdla wabatyali zimali ngokukhawuleza ukuze kuliwe iingxaki ezingqonge imeko yezimali zeli.

Uvale ngelithi, ngenyanga kaDisemba kumele ukuba babe besebenza ukusombulula imiqobo enika ingxaki kwimeko yezimali zeli.

siyabulela.mqikela@inl.co.za