Gqi gqi ngegqirha

Izolo sibhale ngotyelelo lwethu kwiCamagu Institute ekufuphi neDutywa. Apho ke bekukho amagqirha athe athetha nathi ngomba wokulwa ukubhaliswa kwibhunga eligunyaziswe lisebe lezempilo (Traditional Health Practioners’ Council). Ithi into, amagqirha mawabhaliswe phantsi, aziwe ngokusemthethweni ukuba aphi kwaye eshishina ngantoni?

Kwiso lenyama ingayinto nje engephi le, elula. Kodwa ukuba sikhe sithi ukuqwalasela imiba enje sifumanise ukuba amagqirha aziva ejongelwa phantsi lisebe lezempilo kodwa amayeza abo ikwangala athi athathwe ngoogqirha baseNtshona okanye ngabaphandi-zifundo. Bahambe ke bayokwenza imali.

Mhlawumbi nathi sileli phepha lesiXhosa kufuneka sikhe sibhale banzi ngalo mba wamayeza esiNtu kunye nendima yamagqirha.

Siyazi ukuba abantu bakuthi basazisebenzisa iinkonzo zamagqirha ngoko ke asikwazi ukuwakhabela bucala sithi abanagalelo ekuhlaleni. Kodwa kukho ukuba neentloni ngokusebenzisa iinkonzo zabo. Umzekelo ukhe umve umntu ezingomba isifuba esithi “ndisayokukroba igqirha lam!” Inqabile lo nto.

Kuphinde kubekho nomba wokuba ingaba na amayeza amagqirha akhuselekile? Awanabungozi?

Mhlawumbi zonke ezi zinto zezinye zezinto eziphembelela isebe lezempilo ukuba lifune ukungenelela. Mna, ndinomnqweno wokuba ngenye imini sibe nazo nezibhedlele zamagqirha. Sibe nezinto esithi zii “Traditional Health Hospitals” xa sizikhumsha. Okanye Isibhedlele sesiNtu; apho ke bangatsho babenamagumbi abo okunyanga abantu.

Ngoba abantu besasebenzela emizini yabo okanye ebumnyameni kuye kubelula ukufumana abaxhaphaza imiqathango yokwenza amayeza; sibone sekukho nabasebenzisa amalungu emizimba yabantu. Bambi abaziwa ukuba basebenzela phi, besebenza ngantoni, nangabani.

Mhlawumbi lide lafika ixesha lokukhanyiselwa ngobugqirha nokuba sibe nezibhedlele zawo. iinkani azisayi kusinceda, amagqirha mawaze phambili atsho ukuba ziintoni azidingayo ezinokonyusa isidima somsebenzi abawenzayo.