Gqr. Tebelele: ‘Amanye amadoda amkela ufefe, umama esahlabela’

UDUME ngamagama amabini, impempe negusheshe. Lowo nguGqirha Mthembeni Tebelele.

Ngokuhlwa kwangoMgqibelo ebengumphathinkqubo kumsitho obuququzelelwe yiWalter Sisulu University eICC eMonti ukubhiyozela icandelo lezifundo zobugqirha kule yunivesithi eligqiba iminyaka engamashumi amathathu anesithandathu.

UGqr. Tebelele wazenza eWSU izifundo zakhe zobugqirha.

Emva kwentetho kaAdvocate Tembeka Ngcukaitobi, uGqr. Tebelele uqhule ngelithi abantu abaqhwabanga ngendlela eyonelisayo ngethuba kuthetha eli gqwetha kwanosihlalo webhunga laseWSU.

“Into endiyiqapheleyo ngoku athethayo yiPremature Clapping (ukuqhwatywa kwezandla ngendlela engonelisiyo). UMzantsi Afrika undinike uxanduva lokuqubisana nombandela wePremature Clapping. Ingxaki le Premature Clapping iza kuqandusela kwiPremature Ejaculation (ukukhawuleza ugqibe kwinkonzo yasekamileni),” utshilo uTebelele, kwahlekwa.

Ezekelisa ngamadoda afumana imingeni ebhedini, uTebelele uthe: “Kukho abantu apho kuthi kusavulwa ibhayibhile umntu abe esithi amen. Ithi inkosikazi isahlabela, utata abe sele esamkela ufefe.”