Gqr Xolani Mavela: Makwakhiwe iziko lembali yesiXhosa

UGqirha Xolani Mavela

UGqirha Xolani Mavela osandula kuthweswa isidanga sobuGqirha-lwazi asenze ngolwimi lwesiXhosa yiYunivesithi yaseRhodes, umemelela ukuba kwakhiwe iziko lembali yolwimi lwesiXhosa ukunika imbeko kolu lwimi.

UMavela ngomnye kooGqirha-lwazi abatsha abathe gqolo ukuphakamisa uphondo lweAfrika ngokufunda, besenza uphandongqangi ngolwimi lwesiXhosa. “Ulwimi lwesiBhulu linayo indawo ephaya ePaarl kweli leNtshona Koloni, nathi singamaXhosa kumele ukuba sisebenzele ukuba sibeneziko lembali yolwimi lwesiXhosa, ukunika imbeko kolu lwimi nabo bakuqalayo ukulibhala,” ucacise watsho uGqirha Mavela.

Uthi eli ziko kumele ukuba lihonjiswe ngomsebenzi wababhali besiXhosa, imiqulu yophandongqangi, iincwadi nemifanekiso yababhali bokuqala bolwimi lwesiXhosa.

Kumbindi wedolophu yaseBurgersdorp kweli leMpuma Koloni likho iziko elikulima kunje elinika imbeko ulwimi lwesiDatshi.

“Ngoncedo lukaNjingalwazi uKaschula ndikwazile ukwenza uphandongqangi lwam ngolwimi lwesiXhosa, bendikhangela unobangela wokutshona nokungaphumeleli emagqabini kwabafundi abazinzalelwane zolu lwimi, bendigxile eNtshona Koloni naseMpuma Koloni,” uthethe watsho uMavela.

IYunivesithi yaseRhodes ayiqali kuvelisa isidanga sobuGqirha ngolwimi lwesiXhosa, uGqirha Hleze Kunju ngomnye kwabo babhale uphandongqangi lwabo ngolwimi lwesiXhosa eRhodes.

“Uphando lwam lufumanise ukuba abafundi bolwimi lwesiXhosa bayazama ukusebenza nzima kwiphepha lokuqala eligxila kwigrama, nakwiphepha lesithathu elibhala ngamanqakwana amade namafutshane, ingxaki inkulu kwiphepha lesibini eligxila kuncwadi,” ucacise watsho uMavela.

UNjingalwazi Nompumelelo Jafta ngonyaka ka2016 watyhola ootishala ngokungaluthandi ulwimi lwesiXhosa logama belufundisa.

“Ilishwa kulwimi lwethu lifundiswa ngabantu abangaluthandiyo, ixesha elininzi benza nje kuba sele bekho esikolweni, kufuneka luthandwe nguwe umfundisi wolwimi kuqala,” watsho uGqirha-lwazi Jafta.

Ukanti uMavela uthi ukuthanda kwakhe isiXhosa kwalolwa ngootitshalakazi bakhe ababini eJongile Nompondo eCumakala.

“Ootitshalakazi ababini abandilola kulwimi lwesiXhosa nguFeziwe Shoba noSindiswa Gqokoma eJongile Nompondo ekhaya eCumakala, babendinika nethuba lokucacisela abanye abafundi kwizifundo zesiXhosa kuba bebona ukukhalipha kwam kulwimi lwesiXhosa,” ucacise watsho uMavela.

UMavela usebenza njengomhlohli eCape Peninsula University of Technology eWellington eKapa.

“Ulwimi lwesiXhosa obelubhalwe phakathi kweminyaka yoo1870 ukuya koo1945 belusemgangathweni ophezulu, emva koko kuye kwathi cwaka ukubhalwa kweencwadi nezinye izinto ezisemgangathweni ngesiXhosa, kufuneka sivuselele ukubhalwa kolwimi lwethu ngokukuko,” utsho uMavela.

Uhambisa athi unomnqweno wokubona ulwimi lwesiXhosa likwazi ukuvelisa imiqulu yophandonzulu ebhalwe ngolu lwimi.

“Ukuba le miqulu ikhona kwezinye iilwimi ezifana nesiNgesi, isiBhulu, isiJamani nezinye, kutheni thina singenakuba nayo imiqulu yophandonzulu ngolwimi lwethu,” utshilo.

UTshangisa ubulela usapho lwakhe ngendima eliyidlalileyo ukumlola kuthando lolwimi lwesiXhosa.

“Usapho lonke lwamaNgwevu namaBamba akulomama, kodwa ingakumbi umakhulu uMamTshawe owandikhulisa endifundisa isiXhosa esisulungekileyo ngokusithetha, kubo ndibamba ngazibini,” utshilo.