Guzula amatshijolo Matamela!

KuMvulo wamashumi mabini anesixhenxe kule nyanga kaCanzibe, kule veki izayo, uMongameli Cyril Matamela Ramaphosa uza kube ejongene nemingeni emibini.

Umngeni wokuqala kukubekwa kwakhe ngokusesikweni kwakhona njengomongameli woMzantsi Afrika.

Umngeni wokuqala apha yindlela aza kuyicwangcisa ngayo intetho yokubekwa kwakhe, ntetho leyo iza kube iqwalaselwe ngamehlo okhozi ngabemi boMzantsi Afrika, abemi bamazwe ngamazwe, ingakumbi imizi yezoqoqosho kunye nabatyali kweli loMzantsi Afrika. Okona kuza kujongwa kukuba loo ntetho iza kujongana njani na neengxaki ezambethe ilizwe loMzantsi Afrika.

Umngeni wesibini ngowona uxhalabisayo, kuba lo kaRamaphosa, kuza kufuneka achonge ikhabhinethi ekuza kufuneka ixolise phantse bonke abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi amalungu kaKhongolose nabo bamvoteleyo, kuquka nolu qoqosho lwehlabathi kwanabatyali endibakhankanye ngentla apha.

Kaloku thina ngoku sililizwe elingelikhulu ncam nelinoqoqosho olusakhulayo, ubume bombuso weli lizwe bukwalawulwa ngabatyali kwanemizi yoqoqosho ephuma kumazwe aseNtshona nakwiMpuma yehlabathi. Ibonakala njani le nto ndiyithethayo?

Iza kubonakala ngokuthi emva kokwazisa kukaMatamela ngekhabhinethi aza kuxhuzula nayo imikhala, kuvele iimpawu zokuwa okanye ukunyuka kwexabiso lerandi kwihlabathi jikelele. Ukuba uqoqosho lwehlabathi alwaneliseki yiloo khabhinethi yakhe, ixabiso lerandi liza kuwa bhum phantsi.

Ukanti xa uqoqosho lwehlabathi lusaneliseka ngabo baza kuchongwa nguMatamela kwikhabhinethi yakhe, liza kunyuka ngoko nangoko ixabiso lerandi, engekahlali naphantsi emva kokuthetha.

Kuza kuthi kusaqhwatywa izandla ngabo baza kube bekunye naye kwizakhiwo zepalamente yoMzantsi Afrika, irandi ikhawuleze inyukele kumanqanaba aphezulu, kugcobe abatyali, kutshotshe izinhanha, kuze kuxhumaxhume namashishini amazwe ngamazwe. Koda kube nini na impilo, ubomi nentlalo yethu zilawulwa okanye zixhomekeke kuluvo lwamanye amazwe ngathi?

Uluvo lwam luthi oku kuya kwenzeka mhla iziphathamandla zolawulo eMzantsi Afrika, kuquka namazwe aseAfrika ngokubanzi, zifundisisa ngogqaliselo olukhulu imigomo kwaneenkqubo ezingamaphulo okuzilawula silizwekazi leAfrika, migomo leyo idandalaziswe ngokusesikweni kwimiqulu yezoqoqosho yombutho oyiMbumba yama-Afrika (African Union).

Ukuzikhulula kwethu ekulawulweni ngamazwe asemzini, kumhla sayeka ukuthumela izimbiwa zethu kuloo mazwe, koko sifumane iindlela zokuxhonkxa ezo zimbiwa zivelise ezi zinto sibuya sizithenge kwakula mazwe besiwathengisele izimbiwa zethu zisekrwada.

Impumelelo yoqoqosho nolawulo lombuso oluphume izandla, isekubeni umongameli walo naliphi ilizwe, achonge ngobulumko amalungu ekhabhinethi yakhe, malungu lawo aziinkokheli ezigqibeleleyo nezinesakhono sokuphatha nokulawula.

Uya kuthi uMatamela ukuze ayichonge ngokuchanekileyo ikhabhinethi yakhe, khabhinethi leyo iza kuwukhokela ngempumelelo uMzantsi Afrika, aqale ngokukhupha imidlungu eyonakalisa isivuno.

Ukuze isizwe soMzantsi Afrika sibe nekhabhinethi ekhethekileyo nefanelekileyo, Matamela, Ramaphosa, qala ngokuba nesibindi sokuguzula abo baziwa nabadume ngorhwaphilizo, nabaneempawu zobutshijolo kwikhabhinethi yakho oza kuphakamisa ngayo izwe lakowenu, ikhabhinethi eza kuthenjwa ngabantu nangabavoti, ukuze kubuye nabo sele bangenwa kukutyhafa emva kolawulo obe luphambi kwakho obe luthwaxwa zizityholo zorhwaphilizo, ubutshijolo nobuhlohlesakhe obuphantse bathengisa nelizwe lethu, mhla umbuso wethu wabanjwa ngobhongwane ngabangeneleli.

Ikhabhinethi ekhethekileyo Matamela uza kuyichonga xa usondeze iingcali zolwazi, ezopolitiko, ezoqoqosho nezayo nayiphi inkolo, ingakumbi leyo igxile kwingqiqo yobuAfrika, kuba kakade eli lizwe liseAfrika, ilelama-Afrika ahlala ekholose ngokuphuhlisa iAfrika.

Phulaphula iingcebiso zezo ngcali, kunjalo nje ungasityesheli nesakho isazela, kuba wakusithobela isazela sakho, uyakwenza ngokufanelekileyo. Itshijolo ungoyiki ukuliguzula, inqenerha ulikhuphele ngaphandle, isela uligibisele ngaphaya kwezitshixo, uhlohlesakhe umvuthulule athi saa.

Impumelelo yakho nekhabhinethi yakho isekubeni nikhangele iindlela zokucutha ukungalingani kwabemi boMzantsi Afrika, kungabikho abatyebe kakhulu nabangamahlwempu kakhulu kodwa siphila kwilizwe elinye.

Impumelelo yakho nekhabhinethi yakho iyaba sekubeni nilungise iinkathazo ezambethe iziko lombane uESKOM, niqwalasele iindlela zokungabi namisebenzi kwabantu, nisungule amaphulo okuphumeza imfundo engahlawulelwayo, iinkonzo zonyango ezingahlawulelwayo, nokuthotywa kwamaxabiso akrwitshayo amafutha ezithuthi nawokuthengwa nokuthengiswa komhlaba kweli lizwe.

Matamela Guzula amatshijolo, ukhethe amalungu azifaneleyo izikhundla zawo kwikhabhinethi yakho!