Gwede Mantashe: ‘Ukuba akasiniki mali uTrump, masimvimbe izimbiwa’

UMphathiswa wezimbiwa namandla uGwede Mantashe. Umfanekiso: Oupa Mokoena / Independent Newspapers

UMphathiswa wezimbiwa namandla kweli uGwede Mantashe akalibazisanga ukuphendula uMongameli welizwe laseMelika emva kokuba ethe uza kuwuvimba uMzantsi Afrika imali.

Ingxelo ithi uTrump uthetha oku ekwayamanisa nokupasiswa komthetho ongokobiwa komhlaba nawutolika ngelithi kukuthathwa komhlaba kwabathile.

“Ukuba ngenxa yoko uTrump uza kuncisha uMzantsi Afrika imali, thina kuza kufuneka ukuba sibancishe izimbiwa ezi zisuka apha ziyakubo, oko singakwenza simanyene siyiAfrika,” kutsho uMantashe.

Ethetha neNewzroom Afrika uMantashe uthi iAfrika likhaya lezimbiwa.

“Asingobantu bacela nto nje, siphethe izimbiwa sililizwekazi laseAfrika, kodwa ukuba siyoyika asinakuyenza loo nto, kufuneka simanyane siyiAfrika,” uhambisa atsho uMantashe.

Uthi ilizwekazi laseAfrika lityebile zizimbiwa ekufuneka ukuba iinkokheli zeli mazilisebenzise eli thuba ukuziphakamisa. “Ukuba asikwenzi oko sizawa ngoku sinezimbiwa emnyango, ngoko ke masimanyane,” utsho uMantashe.

Ukanti othethe egameni leAfriForum, uErnst Van Zyl, uthi baxelele uTrump emva kokuba uRamaphosa ethe wapasisa umthetho ogunyazisa ukwabiwa komhlaba.

“Senza oko sinethemba lokuba uza kusebenzisa ifuthe lakhe kumcimbi womhlaba oxoxwayo kweli loMzantsi Afrika,” kutsho uVan Zyl.

UVan Zyl ukwagxeka ingxoxo engomhlaba eqhubeka kumakhasi onxibelelwano ngelithi icalanye amaxesha amaninzi.