HALALA! GUDLABATSHAKAZI

Siiwel’iThukela! Zathuthuzeleka neentsana ezisathungululayo, Zizagwintyi zeenyembezi zovuyo, Bayangqumshela abomthonyama yimivuyo, Ziyangqunga iintsizwa yimincili, Zibhinqele phezulu iintokazi lihlombe, Ziyaphalala iinyembezi zovuyo kubazalikazi, Ngamayeyeyeye kumphulaphuli woMhlobo, Yinkedamo kwabashiyeke bebal’ iinkozo zeswekile, Uphindile uGudlabatshakazi!

Uze nazo kwedini uzifunqule, Kakade besikukhuphe ngokuthemba, Umhlobo ubal’ iimbasa abanye babala iphe, Andihleki ntonayo ndiyalinganisa, Uzuthwal’ isithsaba mhla ngetheko kwedini kaBangi, Uze wombathe umnweba mhla ngesisusa Sophitsho, Kuba wena uyikumkani yeembasa, Uz’ uxel’ uTimoti ungayilahli lo vangeli, Ntamb’ ende yokurhintyela amavelithi, Uqhekeze lo mchankcatho ufunzele enzulwini, Kukude apho siya khona nawe Madiba, Impumelelo iyasetyenzelwa ayikhiwa mthini – ayizopesika.

Wasinceda uMngazi ngokusikhulisela umsasazi, Wanikwa izihlangu ezikhulu kunawe, Suka zakulingana sasala sibamb’ ongezantsi, Gudlabatshakazi abanemali, Kodwa impunde efana nam nayo uyigudla ngalo mculo ushukumis’ igazi, Nongakuthandi uyoze akuthande.

Ukuba bendiyimbongi ngendisithi, Tyovityo! Huntshuu! MzikaXhosa ngokuthi kwakuhlatyw’ umkhosi nilandele ekhondweni, Sithi halalala mphulaphuli ngokuthi umntwana akucel’ iivoti nimnike ngeentliziyo ezingenamikhinkqi, Sithi halala mphulaphuli ngokuthi kwakuhlatywa ikhwelo ulisabele, Sithi huntshuu Monwabisi weentliziyo zethu ngokuba sikuthume uye, Wenjenjalo ke umntwana akuthunywa abuye egodlile.

Lavuth’ ibhayiiii! Lavuth’ ibhayi! Bhekela ndilale ntshebe zinevukazi Phuph’ emsondeza, wena waphehlelelwa ngegama lobuntsizwa Aah! Chophesidudleni Kumkani yeembasa zomculo wakwaNtu, Madiba ongasoze asengisw’ inkunzi ngumphulaphuli, Wena ungowethu thina singabakho, Khula Velabembhentsele kulo mculo wethu, Iintsana zethu zisafuna ukufunxa kulo ncidi Yobuncwane bomculo wakwaNtu, Siyabulela ngokuzek’ emzekweni, Bagudle Gudlabatshakazi!