Halala Nokholeji Halala!

IYunivesithi yaseFort Hare.

Ngenxa yobunganga nokuphakama komgangatho wayo, isathe gqolo ukwenza imbali iYunivesithi yaseFort Hare kweli nakwihlabathi. Kutshanje iFort Hare ifakwe kuluhlu lweziza ezililifa kwihlabathi ngumbutho wezizwe ezimanyeneyo.

Eli lelinye lamawonga aphambili nanqwenelwa ngawo onke amaziko afana neYunivesithi yaseFort Hare. Esi sigqibo sokufaka igama leFort Hare kuluhlu lweziza ezililifa kwihlabathi sithathwe kwinkomfa yeUNESCO ebibanjelwe eNew Delhi eIndiya.

Le Yunivesithi yenye yamaziko emfundo ephakamileyo amadala nanembali entle kweli leAfrika nakwihlabathi. IFort Hare yinxalenye yamaziko alishumi elinesine alilifa lesizwe kweli loMzantsi Afrika.

Ingxelo ekhutshwe lela ziko ithi iFort Hare liziko lemfundo ephakamileyo lokuqala kweli leAfrika nakuMzantsi Afrika unikwa iwonga elikumila kunje.

Kwiminyaka engaphezulu kwekhulu, eli ziko lamiswa phezu komlambo iTyume ngoncedo lukaNkosi uTyali ngeenjongo zokuhlupheza iingqondo zoonyana neentombi zeAfrika.

Ngeminyaka yoo1940, eli ziko lahlupheza amabhaku, neengqondi ezaziwayo kweli leAfrika eziquka uGqirha Nelson Mandela, Njingalwazi Mangaliso Sobukwe, Robert Mugabe nabanye abaninzi.

Imbongi yaseNtabozuko uMzima uSamuel Edward Krune Mqhayi wabonga ekrazula ingubo kuthweso zidanga kweli ziko eprofeta eli xesha nezi meko zeli xesha.

Ethetha njengosihlalo wekomiti yabafundi ngo1943, uNjingalwazi Sobukwe wacenga abafundi ukuba balenze eli ziko lenze ngokulingana noko kwenziwa yiYunivesithi yaseStellenbosch kwabamhlophe.

Inqununu yaseFort Hare uNjingalwazi Sakhele Buhlungu uthi oku konke kubonakalisa esidlangalaleni indima edlalwe yiFort Hare kuphuhliso loluntu.

“Oku kungqina igalelo nendima edlalwe leli ziko laseFort Hare kwidabi lokuqinisekisa uphuhliso loluntu nobulungisa ngokunjalo,” kutsho uBuhlungu.