Hamba 2016!

“Yhe maan! USfiso Ncwane ubhubhe nyhani! Hayi lo nyaka!” kukhuze imvumi yomculo wegospile kumawonga esebe lezobugcisa nenkcubeko kule mpelaveki siphuma kuyo.

Inene, ibongomnye nje unyaka lo. Pha kwiphepha lesithathu sidwelisa amagama oosaziwayo abathe balishiya eli kulo nyaka.

Siqinisekile ukuba baninzi nabanye abathe baphulukana nabo babathandayo.

Nathi siliphepha sikhe sanawo amagingxigingxi ethu nathe abona sitshintsha ubume bephepha lethu, silikhupha kanye ngeveki. Sayeka ukuba liphepha lemihla ngemihla. Eso ibisisigqibo esinzima kakhulu nesithe sadala ukuba sinciphise neqela lethu.

Sibhala nje sikwajamelene nomnye umngeni wokubhubha kwabakhwetha. Akwamkelekanga konke konke oku. Kudala kuthethwa ngeendlela zokukhusela abakhwetha. Iye yothuse mpela kengoku eyokuba omnye unobangela wokubhubha kwabakhwetha butywala neziyobisi.

Phofu ayothusi kangako, xa unokutyelela ebakhwetheni ngoku, uyakufika kukho amakhoba eebhotile zotywala kufuphi namabhuma. Lifikile ixesha lokuba siseke imithetho yomgaqo-nkqubo olandelwa pha ebakhwetheni kwaye siqinisekise ukuba akuyi nabani na pha.

Xa sisithi akuyi nabani na pha sithetha ngokuxhaphaka kwamanxila noongantweni boomasitshaye baselalini okanye elokishini abachitha isithukuthezi sabo ebakhwetheni. Silindele ukuba umkhwetha afunde ntoni kwabo bantu?

Lo mba wolwaluko ngumba esizakuwulandelela kakhulu kulo nyaka uzayo. Zininzi nezinye iinkqubo esizakuziqala kulo nyaka uzayo.

Sivuye kakhulu xa sibona ababhali beencwadi besabela isimemo sethu esizakubabona besebenzisana nathi kulo nyaka uzayo. Sisabamema nabanye. Kufuneka senzeni kangangoko sinako, sisonke singamaXhosa ukuqinisekisa ulondolozo nokukhula kolwimi lwethu.

Iqela lethu lizakukhe lithathe ikhefu kule veki izayo. Elilandelayo iphepha liphuma ngomhla wesihlanu kweyoMqungu 2017.