‘Hamba bhubhane uligqibil’ ilizwe’

 

Imvumi yomculo weMaskandi yakuJingqi kuCentane, uZama Tornado Ntenteni, uthi uluntu malungalindeli ide ifike endlwini le ntsholongwane yeKhorona ukuze luyibone ukuba inobungozi kwaye iyabulala.

UTornado ukuthethe oku emva kokuba ngoLwesihlanu weveki ephelileyo ethe wakhupha ingoma (single) ethi “Ubhubhane” ekhalimela le ntsholongwane.

UTornado, owaziwa kwiqela Amawele kaMamTshawe, uthi kumchukumise kakhulu ukubona amakhaya evalwa, kubhubha abazali, beshiya abantwana bodwa ngethuba esemakhaya ngeeholide zeKrisimesi.

“Ayintlanga, ingemnandanga into ebesijongene nayo kulo Disemba emva emakhaya apho bekubhubha abantu, kushiyeka amakhaya evaliwe. Amathemba ayatshabalala nemizi iyavalwa. Yinto eye yandisusa ukuba kulo 2021 ndiza kukhupha ingoma, ndiheshe lo moya walo bhubhane uhlasela ihlabathi,” utshilo uTornado.

Uthi naye baninzi abantu abasondeleyo kuye abathe babulawa yile ntsholongwane, abanye kubo ngudadobawo wakhe ebebemngcwaba.

Imvumi yeMaskandi uZama Tornado Ntenteni UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UTornado uthi ufuna ukulumkisa uluntu ukuba maluyiqonde ukuba inobungozi le ntsholongwane. Uthi umntu makangade afune ukuba ifike kuye ekhayeni ukuze abone ngenene iyabulala kuba xa sele ifikile akubi mnandi.

“Abantu mabalandele imithetho ebekiweyo ngurhulumente, ukuhlanjwa kwezandla, ukuqelelana kwanokungazulazuli. Kungenjalo uhlale endlini ubukele umabonakude, umamele unomathotholo, ucofe nefowuni, ukhangele ulwazi,” uvale ngelo uTornado.

Le ayikhuphileyo ingoma yeyesithathu. Waziwa kakhulu uTornado ngengoma iMathsanathsana eye yathandwa kakhulu luluntu.

Ingoma le xa uyifuna ungambhalela kuFacebook ukhangele: Tornado Ibhada Elimaxhaga Ntenteni okanye umtsalele ku: 078 395 6954.