Hamba kakuhle Chikapa!

Raymond Chikapa Enock Phiri

Ubhubhele kwisibhedlele saseNelspruit, eMpumalanga, emva kokujijisana nomhlaza wemiphunga uRay Phiri (70) wodumo kwezomculo eMzantsi Afrika.

Ekuqaleni kwale veki ugxa wakhe kwezomculo uRichard Mitchell, udize ukuba uPhiri udinga uncedo lwezimali esibhedlele.

Oku kubangele ukuba iimvumi ezahlukeneyo kweli zenze ingxowa-mali engxamisekileyo ngenjongo zokwenza imali egameni lakhe. Igama likaRay Phiri liqale ukuba sematheni ngeminyaka yoo1970 emva kokuba wathi wamisela iqela leCannibals, waza kamva wasungula iqela iStimela sodumo ekunye noNana Coyote nabanye.

Iqela leStimela livelise amacwecwe athe anika indumasi afana neFire, Passion and Ecstacy noLook Listen and Decide kwanelo lithi People Don’t so Lets Talk.

Icwecwe labo elithi Highland Drifter lelinye kulawo enze ukuba lihlonitshwe eliqela likaRay Phiri. Kudliwanondlebe lakhe lokugqibela namajelo eendaba phambi kokuba abhubhe uPhiri, uchaze indlela eva ngayo ingoma. “Umculo yinto engekomoya, uyaphilisa usoloko ufaka okuthile okuphucula impilo yomntu.”

Usapho lukwacele ithuba labucala lokuzilela uPhiri, lwatsho lusithi lubamba ngazo zozibini kuMzantsi Afrika ngenkxaso ngeli xesha bajongene nalo.

Usapho lakwaPhiri likwathe umhla wenkonzo yomngcwabo weli qhawe lomculo wobuya waziswe.