Zihlahlambile iintlambo zeTyhalarha,
Yagungqa nalo ndluli yaseBumbane;
Yalithunzi kumathafa aseXhongorha,
Ayekelela amanz’ oMbhashe ukungxama
Kuba uvalelwe unyana kaJonguhlanga!
Ivalelwe inyoni yohlanga lwabaThembu,
Uvalelwe umalal’ eguqile njengesangoma.
Wavalelwa umntwana kaDalindyebo ngumbutho kaDalindyebo.
Hamba uzobuya nkunzi egwangqa
Hamba Sikhotsholo uzakubuya
Hamba uzobuya phoph’ onesankwane;
Nkunzi yakulo Bhovulengwe eyagudlwa nguMgudlwa,
Hamba maxhel’ inkunzi yenkomo ayidle namarhola
Rhamba elindevu likaMthikrakra,
Khala lokuluml’ abantwana
Nkunzi kabhexesh’ ilanga
Iliqal’ empumalanga, iliphos’ entshonalanga.
Ilithathe iliweze igqili
Wathetha uBhovulengwe phezu kweentaba zaseBhaziya
Wathi lo mzi kaThembu unembali entle, nembali embi
Hamba ke nyoni yohlanga uzakubuya.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo