Hamba uzobuya Buyelekhaya

Zihlahlambile iintlambo zeTyhalarha,

Yagungqa nalo ndluli yaseBumbane;

Yalithunzi kumathafa aseXhongorha,

Ayekelela amanz’ oMbhashe ukungxama

Kuba uvalelwe unyana kaJonguhlanga!

Ivalelwe inyoni yohlanga lwabaThembu,

Uvalelwe umalal’ eguqile njengesangoma.

Wavalelwa umntwana kaDalindyebo ngumbutho kaDalindyebo.

Hamba uzobuya nkunzi egwangqa

Hamba Sikhotsholo uzakubuya

Hamba uzobuya phoph’ onesankwane;

Nkunzi yakulo Bhovulengwe eyagudlwa nguMgudlwa,

Hamba maxhel’ inkunzi yenkomo ayidle namarhola

Rhamba elindevu likaMthikrakra,

Khala lokuluml’ abantwana

Nkunzi kabhexesh’ ilanga

Iliqal’ empumalanga, iliphos’ entshonalanga.

Ilithathe iliweze igqili

Wathetha uBhovulengwe phezu kweentaba zaseBhaziya

Wathi lo mzi kaThembu unembali entle, nembali embi

Hamba ke nyoni yohlanga uzakubuya.