Egunyaziswa ngumthetho ojongene namahlathi kweli iNational Forest Act yonyaka ka1998, uMphathiswa wesebe lezoLimo,uLobo namaHlathi uThoko Didiza umemelela uluntu ukuba lokuhlakane nokutshabalalisa imithi.
Oku kuvele engethuba lo mphathiswa ekhupha uluhlu lamagama emithi ephantsi kokhuselo lukarhulumente ngelithi mayingachukunyiswa.
“Oku kungenxa yokuba le yimithi ekunyanzeleke ukuba ikhuselwe ngurhulumente ngoko mthetho ngenxa yokunqongophala kwayo, ngoko kesithi, Hayi sukuwugawula lo Mthi,”itsho ingxelo kaDidiza.
Zindidi zemithi ezikumashumi amane anesixhenxe ezikuluhlu ajonge ukuzikhusela lo Mphathiswa ekunye nesebe lakhe.
“Xa ubala le mithi kwezinye iindidi zemithi ufumanisa ukuba kuzwelonke kusele izithole ezilishumi elinethoba kuphela kwezinye amashumi amabini ezithole kuphela,” kucacisa uThoko Didiza.
Uninzi lale mithi lisetyenziswa ngamaGqirha namaXhwele ukwenza amayeza abo esiNtu nakwezinye ke iindlela zokusebenzisa imithi.
“Sithi le mithi mayingagawulwa, ingaphazanyiswa, ingenzakaliswa. Akukho mntu uvumelekileyo ukuba abenayo emzini wakhe, ayithengise, okanye ayithumele kwelinye ilizwe,”kutsho uDidiza.
Eminye yemithi ekhoyo kolu luhlu iquka uMganu, Mgobandlovu, Bhoqo, uMhlungulu neminye emininzi. Uninzi layo lufumaneka kweli leMpuma Koloni, KZN, Ntshona Koloni, Limpopo naseMntla Koloni.
UGqirha Nokuzola Mndende weCamagu Institute uthi akahambisani nendlela enze ngayo urhulumente kweli phulo lokukhusela le mithi.
“Nje ngabantu nemibutho esebenza ngemithi akakhange asazise uMphathiswa ngoku, ingxaki yamagosa karhulumente wethu uphando labo lubhityile, kaloku thina siphila ngayo le mithi sikwaphilisa ngayo ngoku njalo,”kutsho uNokuzola Mndende.
ICamagu Institute liziko elijongene nemicimbi yokholo leveli, likwakhuthaza ukutyalwa kwemithi eyenza amachiza esiNtu.
“Ingaba bayibalile ngenene le mithi kwezi ndawo zonke, ngenqanda ukusetyenziswa kwayo ngenjongo zokuthengisa, amayeza la ayimpilo yethu,”kutsho uMndende.
Uthi xa befuna amayeza wabo abathathi sihlahla sipheleleyo koko bathatha igqabi kwisihlahla eso.
“Thina sikha nje igqabi siwushiye umile umthi, umnquma nomthathi ngumzekelo woko sisebenzisa amahlamvu kuwo siwushiye umthi,”ucacise watsho uMndende. Uhambisa athi uphando lamagosa karhulumente luyamlahlekisa urhulumente, kuba benza uphando olungagqibelelanga.
“Kula mahlathi alapha eDutywa mininzi lemithi athi umphathiswa iyaphela mayikhuselwe, kodwa kuba unikwe ulwazi olungaphelelanga ngamagosa akhe,”uvale ngelo uMndende.
Lo mthetho ukhusela ukuxhatshazwa kwemithi yeli ngabantu abaphuma kumazwe angaphandle nabathi kamva bazenzele imali logama beshiya amahlathi engenanto.
IBhurhu neyenye yemveliso zomasipala wesithili saseChris Hani ingumzekelo wokubiwa ngabarhwebi abaphuma kumazwe angaphandle.
Nabani onokufunyanwa esophula umthetho ngokugawula,ukuphazamisa nokuba kukuthengisa omnye wale mithi uyakujongana nesigwebo seminyaka emithathu entolongweni okanye isohlwayo, itsho ingxelo.
Imithi inqanda kukhukuliseka komhlaba, logama eminye kuyo incedisa ukutsala imvula kwindawo emikuyo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo