Hayini madoda!

Kukho nto indikruna umphefumlo kwintetho yesiXhosa yale mihla, le yokuba xa umntu enqandwa kusetyenziswa igama elingu- ‘hayi’, umve ephendula ngokungenasazela nangokuzithethelela ngelithi * “hayi unqand’abalwayo”.

Mawethu, ngokwesiko nesithethe sethu, * – ‘hayi’ nangona iligama elinxamnye nokulandula, lelinye lamagama aluncedo kakhulu, igama elithi lakusetyenziswa kunqandwa okubi emntwini, athi akulisabela, alihloniphe lowo unqandwayo, simbone esakheka. Babhalile ababhali, zibongile iimbongi, zithethile izithethi, avumisil`amagqirha, zavuma neemvumi, bonke bekhalima ngokuziphatha kakubi kwamanye amadoda phakathi kwamadoda ale mihla. Nangona enqandwa la madoda azizaphuselane eziphukanekileyo, aweva kunqandwa, awaboni eboniswa, koko athe gqolo etshabalalisa ingomso lohlanga, ingomso lesizwe ngokubanzi! Kuthi kwakuba nje, liphume ilizwi leengqondi lisithi “kodw’ amany’ amadod’awangomadoda!”

Umhla nezolo kumajelo osasazo, kukhalwa ngani madoda! Kukhalwa ngani ngokuphatha gadalala oomama neentombi zesizwe.

Kube buhlungu kakhulu kwabo bangamathandazwe ahlonipha amanina nomthinjana, xa kanye ngenyanga yokuhlonitshwa kwawo, kuye kwakhangeleka kwenyukele kwiqondo eliphezulu ukuphathwa kwawo gadalala!

Indoda ephakamisa isandla kumntu obhinqileyo ligwala elingenakuze limelane namadoda okwenene!

Indoda engoyikiyo ukubetha ize iqhawule inkciyo idlwengule kumntu wasetyhini, nokuba ungakanani na ngeminyaka, leyo asiyondoda, leyo yayalwa kukho umoya ayeva nowathwethwa kwezo ziyalo, leyo ifanelwe kukuchilwa ikhutshelwe ngaphandle eluntwini, iye kuhlala nabantakwayo abazizilwanyana ehlathini nasemiqolombeni.

Madoda ndiyanqanda, khanilungis`ukuhlala, ukuze isizwe singatshabalali, ndithi hayini madoda, hayini madoda!

Indoda yanamhlanje ithi seyinikwe iwonga, yanikwa ithamsanqa nguQamata uThixo omkhulu kaTayi, ukuba iqeqeshe, iluleke abantwana ezikolweni ukuze ivelise umlisela nomthinjana oza kuba noxanduva lokwakha isizwe sangomso, suka loo ndoda ingoyiki ukudlala qatha namantombazana kumaziko emfundo, ingoyiki nokuzithathela ngendluzula kwabo bantwana.

Zivakele iindaba ziphuma kwizikolo zoMntla Koloni, zisithi kwisikolo esinye jwi, ootitshala bebebolekisana ngabantwana, kusabelwana nabo ngesondo, kangangokuba kweso sikolo bamalunga namashumi amathathu abantwana abakhangeleka bedliswe emthini wehlazo, bakhulelwa ngoku beseziintsana ezize ngobuso elizweni!

Baphi na abazali bezi ntombi namantombazana? Abaxhotyiswanga kusini na ngabazali aba bantwana ukuba phakathi kwamadoda anamhlanje kukho lawo azenza amalungisa kanti afana nqwa neengcuka ezambethe iimfele zegusha!

Elam lithi indoda edlala qatha, indoda enobuqhokolo bokulukuhla amantombazana esikolweni, ide yophule ibele kwikamva lesizwe, leyo asiyondoda ncam, leyo ifanele kukusikelwa indleb`enja ingaze ibuye iphinde ize kuhlala nabantu. Ndiyanqanda zinto zakuthi, zinto zoobawo, ndithi hayini madoda, hayini madoda!

Imizi emininzi kule mihla, kunjalo nje kuzo zonke iintsapho, kungakhethe thango nabuhlanti bamzi uthile, kugqamile ukufumanisa ukuba abazali babantwana abasekho kunye, koko abantwana bakhuliswe ngumzali omnye.

Ubukhulu becala uphando olugxila kwizimo nokuziphatha kwabazali, luveza isikali esikekele calanye. Esi sikali sibonakalisa ukuba abona bantu banoxanduva lokukhulisa iintsana zabo ngoomama kule mihla.

Inzima ke le nto, kuba yinto endala kwintlalo yethu. Kaloku ngeliya xesha langaphambili, oomama bengekavumeleki ukuba baye empangelweni, koko bahlale emakhaya bakhulise abantwana, ikwangabo ababesakha umzi nababejonge imilowo yelo khaya, ootata bona babephangela kude babuye ngeeholide zehlobo kuphela.

Nangoku bengasaphangeli kude namakhaya ootata, barhuqa iinyawo ekuthatheni inxaxheba ekukhuliseni iintsana zabo.

Bafondini ukungabikho kunye nomama wabantwana bakho, oko akuthethi ukuba sithela ngesebe lenkawu, oko akuthethi ukuba tshona emhadini ungaze uvele kwiintsana zakho.

Ngokwesintu kumele ngoku sele ungekho kunye nomzalikazi wabantwana, ube ngutata ogqibeleleyo kubantwana bakho, baluve uthando nenkxaso yakho kwaye bangakuthandabuzi. Indoda engabakhathalelanga abantwana bayo, bantwana abo baza kukwandisa ikhaya layo, leyo indoda isisilerhe!

Ndiyaninqanda nto zakuthi, ukuba phofu nisanqandeka, ndithi hayini madoda, hayini madoda! Maze kuthi xa kukhutshwa amakhwenkwe esuthwini ukusukela ngoku ukuya phambili, abo bayalayo banike inkcazelo yokuba kanye-kanye indoda le yintoni?

Ndithi ndakuqwalasela, ndifumanise ukuba uninzi lwamadoda awanalo nofifi lokuba indoda le yintoni na!