Hlalani emakhaya, zilelani iKhorona!

Akubuliswana ngasandla. Akongiwana. Akuhanjelwana emakhayeni ngelokuchitha isithukuthezi kuselwa ezibandayo okanye kudlalwe imidlalo ezikoneni.

Akubalekwa ezindleleni, akuhanjiswa kwazinja ezo zembala, ngamafutshane akuyuruzwa. Zininzi izinto ezithe zarhoxiswa susela oko ikhorona ithe yagaleleka eMzantsi Afrika kwinyanga ephelileyo. Kodwa sekunjalo iphephandaba lakho, I’solezwe lesiXhosa, lisazimisele ukupapashela iindaba ezibalulekileyo veki nganye, oko sikwenza mahala.

Nangona inkoliso yabafundi bethu ibuza ukuba buphina ubulumko ekuhambiseni iphepha ngexesha apho kukhuthazwa ukubhekelelana kwaye kubekwa nemiqobo eqatha elawula iintshukumo, siniqinisekisa ukuba senze iinzame nemigudu yokuqinisekisa ukuba abasebenzi bethu abahambisa iphephandaba lenu basempilweni kwaye iinqwelo abahamba ngazo zifafazwa rhoqo ngezibulalintsholongwane.

Imizi yopapashondaba kwilizwe lonke nakwihlabathi lonke yothuswe kukuvumbuluka kwale ntsholongwane ethe yongezelela kumcelimngeni wezorhwebo, uvingco nalo longezelele kuloo ngxubakaxaka.

Bambi bakhethe isisombululo sokupapasha kwiminatha yeintanethi, kodwa kuba sisazi ukuba ayinguye wonke umntu onecham lokungena kule minatha ngenxa yeendleko ezoyanyaniswa namaxabiso edata, thina sikhethe ukuba sinipapashele eli phepha.

Njengabo bagqalwa njengabasebenzi abadingekayo, iintatheli zethu zithe bhazalala ziqokelela amabali aza kuba yinxalenye yembali isakudlula le nkathazo, kwaye siqinisekisa ukuba abafundi bethu bafumana iindaba ezithembekileyo nezingangxengwanga- mahala!

Njengoko amashishini amaninzi evaliwe ngeli xesha lovingco, siza kuqhuba sibeka iphephandaba lethu kwiindawo ezifikelelekayo nakwiindawo zikarhulumente ezivuleleke kumntu wonke ezifana neekliniki, izitishi zamapolisa kunye nezinye iivenkile ezivulileyo ngeli thuba. Sithande uqiniseke ukuba oku sikwenzela ukulungelwa kwakho, kwaye sikwenza ngendlela elungeleleneyo.

Hlala ukhuselekile, zigcine uphilile kwaye hlala ekhaya!