Hlalani ngeendawo zenu!

UMongameli Cyril Ramaphosa ethetha nesizwe malunga nentsholongwane yeKhorona.UMFANEKISO:Jairus Mmutle/GCIS

SELE etshilo uMongameli Cyril Ramaphosa, ememelela kuye wonke umntu ukuba athobele imithetho emisiweyo yokuba abantu mabahlale ezindlini – baphume kuphela xa kukho imfuno emandla efana nokuya kwiinkonzo zempilo okanye xa beyothenga ukutya.

Ukusukela ezinzulwini zobusuku banamhlanje (umhla wamashumi amabini anesithandathu kweyoKwindla) ukuya ezinzulwini zobusuku bomhla weshumi elinesithandathu kuTshazimpuzi, abemmi boMzantsi Afrika kufuneka bahlale emakhaya.

Oku kubhengezwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngokuhlwa kwangoMvulo.

URamaphosa ubhengeze ukuthintelwa kokuhamba kwabantu elizweni iintsuku ezingamashumi amabini ananye.

Uthi oku ziinjongo zikarhulumente zokunqanda ukunwena kwentsholongwane yeKhorona.

Abantu abazakuvunyelwa ukuba bahambahambe ngaba: Abasebenzi bezempilo (abakarhulumente nabo babucala), abeenkonzo zikaxakeka (iiAmbulensi), abezomthetho (amapolisa, amajoni, amagosa ezendlela njalo njalo), abavelisa nabathutha ukutya, iinkonzo ezindundoqo kwiibhanki, abalungisa umbane, amanzi nezonxibelelwano, iinkonzo zelabhorathri, abanikeza ngezixhobo zokucoca kwanamayeza.

“Abantu abazukuvunyelwa ukuba bashiye amakhaya wabo. Baza kuvunyelwa phantsi kweliso elibanzi kuphela xa beyokuthenga ukutya, ukuya kubonana nabezempilo okanye xa besiya kufuna imali yenkamnkam.

“Uxanduva lwethu kukuthibaza ukunwena kwale ntsholongwane. Sifundile kumazwe athe akhawuleza ukuthabatha izigqibo ukuba iziphumo zibazihle,” utshilo uRamaphosa.

Kusenjalo uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uSindiswa Gomba ukwakhuthaze abantu ukuba bathobele imithetho.

“Abantu baneendlela zobuchule ezithile, ufike ngamanye amaxesha bethenga utywala baselele kumzi okufutshane. Sifuna ukulumkisa abantu ukuba umntu owophula imiqathango yokuba makahlale ekhayeni angabanjwa agwetywe okanye adliwe imali yinkundla yomthetho,” utshilo uGomba.

Imithetho emisiweyo ngurhulumente iquka ukugwetywa ixesha elinofika kwiinyanga ezintandathu, okanye umdliwo, xa exoka ngokuba unesifo seKhorona, wosulele umntu ngabom ngeKhorona okanye utyeshele imithetho ebekwe ngurhulumentu yokulwa neKhorona.