Hlamb’amehlo watyhaphaka!

Nangona sele kuyiminyaka engaphaya kwamashumi amabini sazizuzela idemokhrasi, sisamana ukothuka zizinto zayo, ingakumbi thina bengubo.

Abantu benza ukuzithandela, bathetha unothanda, nje ukuba oko akunyatheli malungelo omnye umntu achazwe kuMgaqo-siseko.

Ukuba uthi ibomvu ndibe ndisithi imnyama, lilungelo lakho ukuyibona ngolo hlobo, ngokunjalo nakum. Kukho nabathi abakayiva nangevumba leyo nkululeko kuliliselwa ngayo.

Akukho nto singayifundiswanga ekukhuleni, enokuba kungokuyiyalelwa okanye kungokuyibona isenziwa na. Ukususela kwindlela yokuthetha ukuya kwizenzo ngokubanzi. Namhla akukho sohlwayo ngokungahlali kwezo mfundiso kuba idemokhrasi isikhululela ngolo hlobo. Ngelungelo analo umntu wenza akwenzayo ngexesha afuna ngalo. Kuthiwa suzixakekisa ngomntu ohamba indlela yakhe engenanto yakwenza nawe.

Okwakaloku nje ke ndisuswa ngumcimbi wokungahlonitshwa komzimba ngamabhinqa namadoda, akucingelwana kuyatyhatshazwana.

Kumaziko nakwiinkampani ezineethoyilethi zoluntu ndiphawule ukuba abacoci ababhinqileyo bayangena kwezamadoda, andazi amadoda kwezamabhinqa kuba oko ndadibana nale nto kuthiwa yithoyilethi andizange ndangena kweyamabhinqa.

Ukungena nebhinqa ethoyilethi ndiyindoda kuntama umkhuba, ingakumbi kule mihla yokunqaba kwembeko. Ndiyayiva nale yamadoda afuna ukuvunyelwa asebenzise ezamabhinqa, kwanamabhinqa afuna ezamadoda kuba esithi azibona ilelona cala lawo elo.

Mna mntu ungenankcubeko yathoyilethi andikhathali nokuba bangena phi na, ndakulinda phandle ndizingenele ndakubona kufanelekile.

Siyaxakaniseka ke ziinkqubo ezinjalo. Kuthi bakhulele ezilalini, ukuba ubona ibhinqa uphisiwe, uyalinda lidlule, wandule ke ukuzithuma. Uyawabalekisa amehlo akho xa uthe ngebhaqa wagagana nowesinye isini eme kakubi, ungabi naye noqhwanya ngakwicala akulo, akukhathaliseki nokuba akakuboni na yena.

Abedemokhrasi ke abantu abakonqeni ukusolwa nokuphanyaka, bathi akukho nto isolayo nanto iphanyazayo. Nam nditsho ke kambe, ukuba ibikhona ngesele satyhaphakayo yimisintsila egcadwa ngelanga ngabaniniyo kwizinxibo zanamhlanje, kowesiduna nakowesikhomokazi. Abantu banamhlanje ‘banotshalilanga’ okwenkomo.

Ukuzibandakanya nemisadulo yoqhankqalazo ndakugqibela ngelixa kwakusele kumbovu sibambe unyulo lokuqala olukhululekileyo nolungena mkhethe ngokobuhlanga. Sele ndibone okuninzi kubantu bemisadulo ngokusingise kulo mcimbi ‘wesanyu’ kungagidwanga. Akonqeni umqhankqalazi ukubeka ibhulukhwe emanqineni aduntsulele umfoti aziyo ukuba uza kuyigcwalisa ihlabathi leyo foto!

Ndake ndazibhaqa ndiyintlekisa ngaminazana ithile, mhla ndazama ukukhwexa ibhulukwe yomfana owayesihla eteksini endandikuyo, esizele ngamaduntsu egobile ukusinga emnyango.

Ndandiba ke mna iyawa qha akayiva umniniyo, nanjengoko wayenayo nendawana yomqhelo, ndaleqeka ndimnyusa leyo bhulukhwe.

Ndandicingela ukuphanyazwa kwabantu linxila ke mna, kanti kuloko ndizenza ilifa lentsini kwakubantu ebendiba ndinceda bona. Abantu bathi nqa ukuba ngumntu osavelaphi na lo ungalwaziyo olo hlobo lokunxiba. Kanti ke kwakukudala ndiyibona kwiindladiya zamakhwenkwe le nto kuthiwa kukutebhisa.

Kwendiwaziyo bekuvela nokuba sisikhinda ngaphantsi, le yomsintsila obethiswa ngomoya esidlangalaleni ndandiyizibula. Yayisiwa leya ibhulukhwe!

Ndafane ndazicelela uxolo ebantwini nakumfana ngokugxobeleka ezintweni ezikude nam, ndiziva ndiphoxekile ke noko. Nasemabhinqeni sele ndiyibone kaninzi leyo nto. Andisalungisi mntu ke ngoku, ndibayeka benjalo.

Kulo mabonakude ndini ndike ndalama iimbarha zasebusuku ezinamabhinqa agweqa iintsika enxibe inkciyo engaphantsi nakweyomntwana.

Amadoda endaweni yokuphuma abaleke ase akhuphe imali engamaphepha ayihlohle kuleyo nkciyo, amehlo ewakhuphe nezikhondo.

Laka lathi ke iciko, uvula imbobo ngenjongo yokuziphozisa suka kungene isankqange sevumba neempukane, uthi uhesha impukane ube uvale impumlo ngelixa uxhamla ukuziphozisa. Inene, xa singekatyhaphaki ngoku asisenakuba satyhaphaka.

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba