Hlaziya imitha yombane yakho!

Ixesha elisikiweyo lisondele lokuba abantu bahlaziye iimitha zabo zombane okanye abazukwazi ukufaka umbane ukuba iimitha zabo azisebenzisi le nkqubo intsha. Umfanekiso: Afrikasmart

Ixesha elisikiweyo lokuhlaziya imitha yakho yombane liyasondela, kwaye ukuba awuyihlaziyi, awuzukwazi ukuthenga umbane.

UEskom ubhengeze ukuba iimitha zombane ezingekahlaziywa ziza kuyeka ukusebenza kule nyanga ngomhla wama24 kweyeNkanga.

Xa uEskom ecacisa ukuba kutheni kusenzeka oku, bathi zonke iimitha zombane ezisekelwe kubuchwepheshe beSTS ziza kuyeka ukwamkela iithokheni okanye amanani amatsha ombane (credit tokens) ngenxa yokuphelelwa kwezi khowudi.

“Oku kuya kuthetha ukuba imitha yombane iya kuyeka ukuhambisa umbane emva kokuba umbane okhoyo usetyenzisiwe, nto leyo eyenza ukuba imitha yombane ingasebenzi. Ithokheni yombane nganye inesichongi sethokheni eyodwa (TID) eguqulelwe kwikhowudi eyenziwe ngamanani angamashumi amabini (20) ukuthintela naluphi na uhlobo lobuqhophololo kwimitha.

“I-TID isekelwe kumhla wesiseko ka1993 kwaye iya kuphelelwa ngo2024, oko kubangela ukuba imitha iyeke ukwamkela iithokheni ezintsha,” utshilo uEskom kwingxelo.

Ukuba imitha yakho yombane ayizange ihlaziywe ngomhla omiselweyo, ayiyi kwamkela iithokheni okanye umbane owuthengileyo, oku kuthetha ukuba iza kuyeka ukusebenza. Zonke ezi mitha zombane kufuneka zihlaziywe, nokuba umbane umfumana kwaEskom okanye ungumthengi obonelelwa ngumasipala.

Ukujonga ukuba imitha yakho ihlaziywe kwaye isebenzisa inkqubo yeKRN2 okanye isekwiKRN1, kufuneka ufake le khowudi 1844 6744 0738 4377 2416 kwimitha yakho yombane. Imitha yakho iya kubonisa inani u1 okanye u2, kwaye kwezinye iimitha, kusenokubakho oonobumba ecaleni kwenombolo yeKRN, utsho uEskom.

Inombolo 1 ithetha ukuba imitha yakho isekwiKRN1 kwaye kufuneka ihlaziywe ukuze isebenzise inkqubo yeKRN2.

Ukuba unengxaki yokuhlaziya imitha yakho yombane, nanku umntu onokuthi uqhagamshelane naye kwiphondo ohlala kulo.

eMpuma Koloni – Kanyisa Mtyalela: 083 681 9161

eFreyistata – Eugene Myburgh: 072 610 2797

eGauteng – Solly Matebula: 082 579 4334

KwaZulu-Natal – Helmut Oellermann: 082 572 7931

eLimpopo – Tendani Moloto: 083 656 1408

eMpumalanga – Jonathan Baloi: 083 721 3842

eMntla Ntshona – Ntidiseng Makgamatha: 082 937 6302

eMntla Koloni – Zandisile Nangu: 082 926 4058

eNtshona Koloni – David Ockhuis: 083 326 1887

Ukuhlaziya imitha yakho yombane kusimahla.