Hlonipha ukuze uhlaziyeke

Aphinde azibonakalisa kwakhona amagqiyazana azintombi nto eli phondo leMpuma Koloni, kulandela ukhuphiswano Indoni Miss Cultural South Africa 2015 obelubanjelwe eThekwini ngoMgqibelo.

Olu khuphiswano lujongene ncakasana nokukhuthaza kwanokukhulisa abantwana ingakumbi abo bangamantombazana. Intwazana yelali yaseLudeke Mission eBizana, eyenza ibanga layo lesibhozo, eneshumi elinesixhenxe iminyaka ubudala uLusanda Baai, nophumelele kwibakala lokuba bubuso beNdoni (Face of Indoni) uthi, ubone ngoMgqibelo ukuba ukuphuma ezilalini akukho nto ikuvalelayo ekubeni ungabiyiyo into oyinqwenelayo ngenye imini.

“Ukuphumelela kwam kundenze ndabane themba nangakumbi ebomini bam. Oku kuthetha lukhulu kum kuba bendiqala ukungenela, into ebendihlala ndiyihamba rhoqo yiNkciyo apho siye sihlolwe khona,” utshilo uBaai.

“Into endiyithandayo kwi-Indoni asifundiswa kwenza nkcubeko yethu kuphela, koko sifundiswa nangohlobo oma ucinge ngalo ungumntu omtsha. Sivulwa iingqondo sikwafundiswa nangentlonipho kuba awuhloniphi bazali bakho kuphela okanye umntu omdala yedwa kodwa nabani na, kwaye kubalulekile xa ungumntwana ukuba ufunde ngezinto ezizakuthi zikwakhe ebomini,” utshilo uBaai.

Ilizwi lakhe kubantu abatsha uthi, okubalulekileyo kukuba uzazi ukuba ungubani, usuka phi, usiya phi kwaye ngokunjalo ubenawo umdla nangenkcubeko yakho ungalujongeli phantsi uhlanga lwakho.

UNyanisa Komga nongomnye ophumeleleyo kwindawo yesibini nobemele abaThembu uthi, naye uyabulela kuluntu ngenkxaso, okubalulekileyo kukuziphatha kakuhle ungumntu omtsha kuthetha lukhulu kuye noogxa bakhe.