Huntshu bootitshala ngomsebenz’ omhle!

Nangona bephuma kwimiqwebedu yeelali apho xa izizantyalantyala zemvula abafundi bengayi esikolweni, kwaye nootitshala bakhe bahlike kwisithuthi eso sibathuthayo basityhilize xa sixingile, kodwa kwezo meko zinjalo abafundi bakaGrade 12 2022 bakwazile ukuza no100% kwisifundo sesiXhosa kwisikolo sabo iMenziwa S.S.S eNdibela eMthatha phantsi kweO.R.Tambo Inland.

Oku kuza emva kokuba utitshalakazi wabo obahlohla isiXhosa uNobuntu Nqeketo (42) engomnye wootitshala abathe bawongwa lisebe lezeMfundo ePhondweni ngoLwesibini kule veki eGreens High eMonti.

Isithethi sesebe lezeMfundo eMpuma Koloni uMali Mtima, uthi ezi zinjongo kwaneenzame zokukhuthaza ootitshala kumsebenzi abawenzayo eMpuma Koloni ingakumbi kuthe kwaphucuka neziphumo zikaGrade 12.

UNqeketho, nosele eneminyaka elishumi elinesibini ehlohla isiXhosa, uthi kubuhlungu kakhulu ukusebenza kweza lali kuba akungeni moto kodwa kunjalo bayazimisela kumsebenzi bengootitshala kuba befuna umntwana womntu omnyama aphumelele. Abafundi bebonke bakaGrade 12 eMenziwa bebeyi-302.

“Ezi ziphumo sizifumana kanzima kuba esikufunayo kukuba abantwana baphumelele bangabeki ityala kuthi xa bengenzanga kakuhle ekupheleni konyaka. Okusincedayo ukuze basithande isiXhosa abantwana bethu kukuba sibakhuthaza ngokuba babambe iingxoxompikiswano ngesiXhosa, yeyona nto iye ibanike umdla kwaye neye incedise ekubakhuthazeni,” utshilo uNqeketo.

UNqeketo ukuvuyele ukuwongwa kwakhe, uthi oku kwakumpha amandla nangakumbi. Umke enekhompyutha, imbasa kwakunye nemali eyiR5000.

Isebe lezeMfundo eMpuma Koloni liwonge ootitshala abaqhube kakuhle kwiziphumo zikaGrade 12 kwaye iinqununu ezintlanu kwizikolo eziqhube kakuhle zimke neemoto ezintsha zohlobo lweVW Polo: UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Esinye sezikolo esiwongiweyo yiKhanya S.S.S ephantsi kweJoe Gqabi emva kokuza no99% kwisifundo sesiSotho HL, iwonga lafunyanwa nguTsunyana Mapheleba.

Ingingqi yaseBuffalo City nayo iphume emagqabini kuba utitshala ohlohla izifundo zeAccounting uLungiswa Kopolo waseUlwazi High ufumene iwonga ngokuza no100%, naye wafumana ikhompyutha, imbasa kwakunye nemali eyiR5000.

EMpuma Koloni izikolo ezisebenze kakuhle kakhulu ze zawongwa ngeemoto liSebe, yiPearson High (quintile-5) phantsi kweNelson Mandela Metro ngo86.7% nebinabafundi abayi233, esilandelayo yiSt Johns College (quintile-4) eMthatha phantsi kweO.R Tambo Inland ngo83.32% nebinabafundi abayi316, kulandele iCofimvaba S.S.S eChris Hani East ngo87.85% nebinabafundi abayi393, ze esokugqibela esixhamlileyo ibe yiMakaula S.S.S eAlfred Nzo West ngo87.54% nebinabafundi abayi394.

Kusenjalo, iNqununu yaseCofimvaba S.S.S uNyaniswa Sabata akakwazanga ukuzibamba iinyembezi ngethuba kukhwazwa igama lesikolo sakhe. Unobangela woku uthi kukuba ngunyaka wakhe wokugqibela lo athathe umhlalaphantsi.

OweSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uRay Tywakati uthi oku kukuqaphela umsebenzi wootitshala, huntshu kubo!

“Siyazidla ngani kwaye sinebhongo bootitshala neenqununu. Oku kokokuqala isebe likwenza ukuqaphela umsebenzi wootitshala,” utshilo uTywakati.