Huntshu Mpuma Koloni!

USabelo Dumezweni ongutata kaLomso, inqununu yaseNyanga High uKhulile Qamata, uMphathiswa uAngie Motshekga kwakunye noLomso Dumezweni umfanekiso: uthunyelwe

Nangona nje engakwazanga ukuzithethela ngokwakhe ngenxa yenkubazeko uSibabalwe Mkunqwana, 22, nongomnye wabafundi abazenzele igama eMzantsi Afrika ngokuthi aphumelele emagqabini uGrade12 ku2019, uvuyo lwakhe ulibonakalise ngoncumo nangokumane ezibhenca amacala ekwadlala nangezandla zakhe ngethuba I’solezwe lincokola nabazali bakhe eICC eMonti ngoLwesithathu.

UEric Mkunqwana nongutata kaSibabalwe, othethe egameni lentwazana yakhe, uthi oku kwenzekileyo kube ngumangaliso kaThixo.

“Kodwa ndisitsho nje uSibabalwe ukrelekrele kwaye ungumntu ozimiselayo kumsebenzi wesikolo. Ikwanguye nowasinyanzelayo ngo1997 ukuqala kwakhe esikolweni. Ukuba ebengakhubazekanga ndiyakholelwa ebeza kubayiyo inkokheli okanye utitshalakazi ngokohlobo azimisela ngalo, kwaye nohlobo awuthanda ngalo nomsebenzi wakhe,” utshilo uMkunqwana.

USibabalwe ungumntwana wesibini kwababini ebazalini bakhe, yintwazana yaseMdantsane, ungumfundi eVukuhambe kwisikolo sabantwana abakhubazekileyo.

USibabalwe usafake isicelo sokwenza izifundo zesiLungu ePitoli nangona nje umzali ebesithi abakaphendulwa, noxa nje ebesithi ufuna ukwenza izifundo zobuNtatheli.

Umzali kaLomso Dumezweni obengumfundi eNyanga High eNgcobo, nophumelele emagqabini, uSindiswa Dumezweni nongutitshalakazi kwisikolo samabanga aphantsi iNyokana kuGatyane, uthi ebeyilindele impumelelo yomntwana wakhe, akothukanga ngenxa yokuthanda kwakhe umsebenzi wakhe unyana wakhe.

“Nani niyandibona ndiyafenquza ngenxa yovuyo, andizazi ukuba mandithini, kumnandi nangaphakathi. Andothukanga ngale mpumelelo kuba bonke abantwana bam bakrelekrele kuba bapakanyelwe sithi bazali babo,” utshilo uDumezweni.

Uthi nakunyaka ophelileyo ebelapha ezokubhiyozela unyana wakhe obemele iphondo leMpuma Koloni kwiziphumo zika2018.

ULomso ungowesihlanu kubantwana abasixhenxe kowabo.

UMphathiswa wezeMfundo ephondweni, uFundile Gade, uthi uziqhwabela izandla kwaye ukhona uphantsi kwebhedi oya kuthi wenzelwe iinqununu, ekwaqhwabela ootitshala abasebenze nzima kuquka abantwana kwakunye nabazali.