Huntshu! Siyabulela kwi-I’solezwe ngokusisa esiqithini

Abatyeleli bebuyela kwisikhephe esisuka eRobben Island Umfanekiso: ANA

BEKUZELE kunyakazela esiqithini saseRobben Island ngomhla wokubhiyoza amagugu namafa kule nyanga siphuma kuyo kangongokuba nabasebenzi bakhona bebexakene nenja ukungavuthwa kuphela nezikhephe zokuthutha abantu.

Bekusisinyikinyiki kangangokuba abanye bakhethe ukujika babuyela emakhaya. Abanye ebekufanele bakhwele kwisikhephe sangentsimbi yethoba kusasa balinde de kwabetha intsimbi yesithathu emini oko belindile.

Bekutyhalwana eWaterfront apho kukhwelelwa khona ezi zikhephe zithutha abo batyelela esiqithini kwaphela kuvalwa iingcango. Into ebangele okukuzala ngokokutsho kwabo baqhele ukulichithela esiqithini olusuku, bekwande inani labo baphumelele amatikiti kumajelo weendaba. Bekukho nkqu nezikolo ezivela eMpuma Koloni. Phakathi kwazo ibiyi Ngubethole yaseDutywa.

Kanti bona abo baphumelele amatikiti unintsi lwabo beluqala ukuya esiqithini balinde ngomonde de lafika ixesha labo lokuya kubona imbali yomzabalazo eyakhokhelela ekubhukuqweni korhulumente wengcinezelo.

Phakathi kwabo baphumelele lo matikiti ibingabafundi be-I’solezwe abaliqela. Abanye babo bekufanele ukuba bakhwele isikhephe sentsimbi yethoba neyeshumi elinanye kodwa bafumana isikhephe sentsimbi yesithathu ngenxa yokokugcwala.

Omnye wabo uLuyanda Siwahla waseNyanga ebengawuvali umlomo yimincili. “Ndiyabulela kwi-I’solezwe! Ndiyaqala ukuza apha esiqithini. Nditsho ndayazi indlela ebabephethwe ngayo ooSobukhwe nootat’ uMandela. Ndiza kutsho nam ndikwazi ukubalisela abam abantwana,” utshilo.

Nangona ebekhala ngokuhlala ixesha elide elinde isikhephe, kodwa utye tyum uKhayakazi Velani waseKhayelitsha esakufika esiqithini ethatha imifanekiso yakhe engapheliyo. “Kudala ndafuna ukubona isisele sikaMandela. Ndithe ndakuva indlela ebabephila ngayo ndaqonda ukuba ngamagorha nyhani. Banyamezela kakhulu kunjalonje,” utshilo.

Abaphathi besiqithi bathe ukukhutshwa kwalo matikiti simahla kubeyimfundiso kubo.

Ibingumqokozo wemigca eNelson Mandela Gateway eWaterfront apho kufolelwa khona izikhephe eziya esiqithini. Bajikisiwe abanye abantu.

Isithethi saseRobben Island uMorongoa Ramaboa, uxolisile enethemba lokuba bazakuphinda batyelele abantu esiqithini kwixesha elizayo. “Bebephumile abantu kwilizwe liphela befuna ukuzokubona isiqithi ngale mini. Kuyacaca ukuba kufuneka sizilungisele kwixesha elizayo. Ngelishwa, sithatha inani elithile ngosuku. Ngenxa yokwanda kwelo nani kuye kwanyanzeleka ukuba bajikiswe abanye,” utshilo.