I Cosatu ixhasa inkongolo engxamisekileyo

Umbutho wabasebenzi iCosatu ungenelele kwimibutho ememelela
ukuba kubanjwe inkongolo yolonyulo phambi kwexesha ngumbutho we ANC. Unobhala
jikelele kulombutho uBheki Ntshalintshali uthi lombutho unengxaki ezinzi
kakhulu ngoku,kwaye ukubanjwa kwalenkongolo kuyakunceda ukubuyisa uzinzo
kulombutho.”Asinakuxoka sithi lombutho usasebenza nje ngembumba emanyeneyo,
zona ingxaki zikhona kwaye zibangela ukuba kubekho imfuneko yalenkongolo,”uthethe
watsho uNtshalintshali.

 Unobhala jikelele walombutho uGwede Mantashe uxelele amajelo
endaba ukuba naye nje ngesiqu uyakuxhasa ukuba kubanjwe inkongo yokonyula
isikhokelo esitsha salombutho.Oku konke kuza emva kokukhula kwezigxeko
ezijoliswe kwisikhokelo sombutho we ANC ingakumbi uJacob Zuma emva kweziphumo
zolonyulo lomasipala obelubanjwe ekuqaleni kwalonyaka.Ikomiti elawulayo
kumbutho we Cosatu ibambe indibano kuleveki ngenjongo zokufumana isigqibo
esimanyeneyo ngalomcimbi walenkongolo. Ingxelo ithi kulindeleke ukuba umbutho
wamakomanisi nawo uzakubamba eyawo indibano ngempelaveki ukuze uthethe malunga
nesigqibo sabo salenkongolo.