I-DA ithi akayindawo uGwarube

UMphathiswa weSebe leMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube. Umfanekiso: Facebook

Osisithethi sombutho weDemocratic Alliance (DA), uWillie Aucamp uthi uza kuchithakala urhulumente wobambiswano (GNU) kweli loMzantsi Afrika ukuba uMongameli uCyril Ramaphosa ukhe wagxotha abaPhathiswa balo mbutho kurhulumente.

I-DA ithi ikwazikakuhle ukuba uMongameli uRamaphosa unegunya lokuqasha nelokugxotha abaPhathiswa, kodwa kufuneka azi ukuba iAfrican National Congress (ANC) alinagunya lokuphatha.

“Kufuneka ukuba ayazi into yokuba urhulumente lo awukho phantsi kolawula lweANC kuphela, angakulinge acinge ukuba kuselixesha lokuphatha ngentando yakhe,” ucacise watsho uAucamp.

Oku kulandela iingxelo zokuba kukho iqela elithile kumalungu epalamente eANC elimemelela ukuba uRamaphosa agxothe uSiviwe Gwarube.

“Kuyacaca ukuba iinkokheli zeANC zilibele ukuba kukho isicwangciso esityikityiweyo sokusebenzisana kwethu njengamalungu wendibanisela, iGNU,” kutsho uAucamp.

Kuthiwa kukho ulwazi olungachanekanga olutyhola uGwarube kwinkqubo yokuviwa kweezimvo zoluntu malunga nomthetho weBasic Education Laws Amendment Act (Bela Act).

“Akukho nomnye uMphathiswa weDA oza kugxothwa nguRamaphosa, oko kuyakuthetha ukuba ngenene ufikelela esiphelweni urhulumente wendibanisela,” utsho uAucamp.

NgeCawe umhla wesibhozo kule nyanga, inkokheli yeDA uJohn Steenhuisen ungenelele ukugxeka amarhe asasazwa ngabantu beANC ngelithi uza kuphela urhulumente wendibanisela ukuba kugxothwa uGwarube.

“Yonke le ngxolo yokungathi angagxothwa uSiviwe Gwarube isuka kwinto yokuba asivumelani neenguqu ezenziwa yiBela Act, okwesibini, uGwarube akakhange ayizimase intlanganiso kaRamaphosa ibixoxa ngalo mcimbi ngeCawe umhla wesibhozo,” kutsho uSteenhuisen.

I-DA lihlakani eliphambili elathi lanikwa izihlalo kurhulumente kazwelonke ngumbutho weANC ngeenjongo zokusungulwa korhulumente wendibanisela.