Amalungu ombutho iEFF afunge emunca iintupha ngelithi azakuqhubeka nokuphazamisa ushishino kwivenkile yakwaShoprite eseGreenacres Mall eBhayi.
Malunga namashumi amabini amalungu eEFF angene kwaShoprite evuma iingoma emva koko athatha iinqwelo zokuqokelela impahla ethengwayo (trolleys) azibetha zagcwala ukuya koomatshini bokubhatala.
Abaphathi bakwaShoprite babize oonogada abaphuma kwinkampani yabucala kwakunye namapolisa, emva koko bayalela abasebenzi ukuba bangawancedi la malungu eEFF.
Ibe nguduntsu bhentsu kutshintshiselwana ngamazwi arhabaxa phakathi kwamalungu eEFF, amalungu enkampani yoonogada kwakunye namapolisa.
Amapolisa ayalele iEFF ukuba iphume kule venkile kuba inyathelo layo lelokuphazamisa intengiso. Amalungu eEFF azithethelele ngelithi azokuthenga ngengabanye abathengi.
Ibilityeli lesithathu lo mbutho uphazamisa intengiso kwaShoprite ngelinyanzelisa ukuba eli shishini liqeshe ngokusisigxina abasebenzi bethutyana abachithe iinyanga ezintathu, kubekho iinguqu kwikomkhulu leli shishini elisagcwele ulawulo lwabamhlophe nangona uninzi lwabathengi ingabantsundu, kwakunye nokuba uShoprite uvumele abafundi abafumana inkxaso kaNSFAS ukuba bathenge abakudingayo nokuba ayikangeni lenkxaso-mali.
Emva kweeyure ezimbini intengiso imile, amapolisa asebenzise izintywizisi aza emva koko abaqhubela ngaphandle abaqhankqalazi, kwaze kwabanjwa omnye wabaqhankqalazi.
Ngaphandle kwase Greenacres amapolisa asebenzise isiqhushumbisi sokudungadunga umndilili aze awaleqa awasusela ngaphaya komhlaba waba bhaza-bhaza bamashinini aba baqhankqalazi.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike