I-EFF ithi ayizukombatha ngengubo enye neDA kunye neFF+

Inkokeli ye-EFF uJulius Malema ngethuba ebethetha noonondaba eKapa, ​​eNtshona Koloni. Umfanekiso: Uthathwe kuYoutube

Inkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema, ethetha kwinkomfa noonondaba namhlanje eKapa uthe iEFF ayichasanga urhulumente wobambiswano kuzwelonke kodwa ichasene nokubandakanywa kweDemocratic Alliance (DA) kunye neFreedom Front Plus (FF+) kuyo.

UMalema uthi isigqibo sombutho wakhe sokungabi yinxalenye yomanyano asikho malunga nobuhlanga. Uthi ngaphambili bebekukhabile ukusebenzisana neDA ngethuba ibikhokelwa ngabantu abamnyama.

“Lo mbutho sisixhobo se’impiriyali kunye nokugxininisa amandla ezoqoqosho kunye nobutyebi phakathi kwabantu abamhlophe. Ayinanto yakwenza nobuhlanga, imalunga nombutho omele izinto ezisibuyisela emva, umbutho wocalucalulo, umbutho ofana noFF+ othi inxalenye yemiqathango yawo yokungena kurhulumente wobambiswano kukuba iOrania siyibhengeze njengomhlaba wamaBhulu,” uMalema uxelele oonondaba eKapa.

Uqhube wathi bancamela “ukufa” bengenazikhundla kurhulumente kunokuba bavumele “abamhlophe” baphumelele.

“Urhulumente ongakhethi cala akufunekanga athethe ukulalanisa kwiinkolelo ezikukhokelayo,” utshilo.

UMalema ukwabonakalise inkxaso kumbutho walowo wayesakuba nguMongameli uJacob Zuma, iMK Party ngokuthi lo mbutho mtsha mawunikwe ithuba lokulawula iphondo laKwaZulu-Natal emva kokuqhuba kakuhle kwalo kunyulo luka2024.

“Thina siyiEFF siza kuzixhasa zonke iinkqubo zokuseka indlu yowiso-mthetho ekhokelwa yiMK Party njengombutho wezopolitiko ofumene elona nani liphezulu leevoti kwiphondo,” utshilo uMalema.

Phakathi kwazo zonke iziphithiphithi neempikiswano ezingqonge imeko yezopolitiko kweli, uLwesihlanu umhla we14 kweyeSilimela 2024 iya kuba kukufungiswa kwamalungu ePalamente kwiNdlu yoWiso-mthetho yesixhenxe.