I-MK Party yonyule uMzwanele Manyi njengoMbhexeshi oyiNtloko ePalamente

UMbhexeshi oyiNtloko omtsha weMK Party ePalamente uMzwanele Manyi. Umfanekiso: GCIS

Umbutho uMkhonto weSizwe (MK Party) wonyule owayesakuba lilungu lePalamente le-Economic Freedom Fighters (EFF) uMzwanele Manyi njengoMbhexeshi oyiNtloko ePalamente.

I-MK Party ivakalise ukubuthemba ubunkokeli bukaManyi, isithi uzakuqhubeka eqinisa ukuzinikela kombutho ekukhonzeni abantu ngentembeko nangokuzinikela.

UManyi ungene ezihlangwini zikaSihle Ngubane, lo mbutho uthe uNgubane uzakuqhubeka nokusebenza njengelungu eliqhelekileyo leNdlu yoWiso-mthetho ethatha inxaxheba kwiikomiti ebechongwe ukuba athathe inxaxheba kuzo.

UNgubane ebefudula eshenxisiwe njengoNobhala Jikelele kwafakwa uArthur Zwane phambi kokuba abekwe njengoMbhexeshi oyiNtloko.

Kwingxelo ebhengeza ngokuqeshwa kukaManyi kwesi sikhundla, isithethi sombutho weMK Party uNhlamulo Ndhlela uthe: “Ubungcali bakhe obunabileyo buzakongeza kumsebenzi oqhubekayo ngaphakathi embuthweni, ngelixa esakhela phezu kwesiseko esiluqilima esabekwa nguNgubane. Siqinisekile ukuba ubunkokeli bukaManyi buzakuqinisa ngakumbi ukuzinikela kombutho wethu ekukhonzeni abantu ngentembeko nangokuzinikela.”

UManyi ufungiswe njengelungu leMK Party ePalamente ngoLwesithathu, ekunye nabo babesakuba ngabaphathi beenkampani zikarhulumente–njengoLucky Montana owayesakuba yingqonyela yakwaPrasa, owayesakuba yingqonyela yakwaTransnet uSiyabonga Gama kunye nowayesakuba yingqonyela yakwaEskom uBrian Molefe.

Amanye amalungu eMK Party athe afungiswa nguThembisile Siboniso Mjadu, Nompumelelo Matilda Gasa, Gezani Eric Kobane (Papa Penny) noThulani Innocent Gamede.

UManyi uye warhoxa kwiEFF kule nyanga kulandela ukurhoxa kwalowo wayesakuba nguSekela Mongameli walo mbutho uFloyd Shivambu, nosele engumququzeleli weMK Party kuzwelonke.