I-Omega Junior ikwiphulo lokunceda abafundi abasweleyo

Amalungu eOmega Junior, Ukusuka ekunene ukuya ekhohlo nguThando Dyasi, Lindokuhle Nobavu, Obakhe Nkohla, Takudzwa Chiro, Sibulele Sapepa.

Umbutho wabafundi iOmega Junior, nenceda abafundi kwizifundo zezibalo (Maths) uzakube uqokelela izixhobo zokufunda, kwiphulo lokunceda abafundi abangathathi ntweni. 

Eli phulo lizakuqalisa ngoMvulo esisinge kuwo eVincent Park Mall, ukususela ngentsimbi yethoba ekuseni ukuya kwintsimbi yesine. Lo mbutho uzakube ubeke iibhokisi zokuqokelela nakwezinye iindawo eziquka uSpar ose-Amalinda, kwa-OK eCambridge, nakwaSpargs eBeacon Bay. 
Abaququzeleli beliphulo uThando Dyasi noObakhe Nkohla, bathethe bathi, “Sibona kubalulekile ukuba thina baphiweyo singabalibali abpo basweleyo.
Siqaphele njengoko sinceda abafundi kwizifundo zokubala ukuba abanye babo baswele izixhobo zkufunda ezifana neencwadi, ubucxhakaxhaka bokubala, (Calculators), ezokubhala kwanezinye.” 
Esi sibini sithi injongo yeli phulo kukuhlangabezana nezomfuno, “Siyoyibulela inkxaso esinokuyifumana kuluntu, ukuze sincede abo sinokuthi sibancede.”

UDyasi noNkohla basebenzisana noLindokuhle Nobavu, Sibulele Sapepa kwakunye noTakudzwa Chiro, ekuphuhliseni ulwazi lwezibalo kubafundi abakumabanga aqala kuGrade 10 ukuya kuGrade 12, kwaye oku bakwenza ngooLwesibini ukuya kuLwesine eMeals on Wheels ekwanombolo 24 eSmartt Road eNahoon, nakwisikolo iHudson Park High School, kuVincent Road eMonti.
Kwabo banomdla wokuqhakamshelana neOmega Junior bangabatsalela umnxeba kule nombolo, 063 074 5864, okanye nge-email ku theofficialomegajunior@gmail.com, nakwikhasi likaFacebook, “Omega Junior Tutoring.”