I-Steve Biko Centre izisa ithuba lokubhala iimviwo kwakhona

Iziko iSteve Biko Centre, elizinze eQonce, eGinsberg ngokubambisene nesebe lemfundo eMpuma Koloni baza- kuqala isebe lokufundisa abafundi kwinkqubo ka-ABET.

Kwaye abafundi ababhale iimviwo zabo zebanga leshumi ngo2012 neminyaka engaphambili, bazakunikwa ithuba lokuba baphinde babhale ezi mviwo kwakhona.

Ezi zifundo zizakuqala kwiveki ezayo, kwaye bonke abantu abanomdla bangasuka baye eSteve Biko Centre, babhalise amagama abo. Inyaniso kukuba imfundo yakwa ABET, ayithathelwa ngqalelo ngabantu abaninzi, ngenxa yokuba bekholelwa ukuba umntu akanakuya kude kakhulu ngayo kuphele. UNomamfengu Mbashe, nongumlawuli wesebe lika ABET eQonce, uthi baninzi abantu abathe baxhamla kwimfundo yabo ingakumbi abo sele bephangela.

“ Baliqela abantu abaphangela nalapha kwamasipala, eQonce abafunde kwa-ABET. Siyancedisa kakhulu isatifiketi sika level 4 esithi sinikwe abafundi,” utshilo uMbashe. Kunyaka ozayo banethemba lokuba bangakwazi ukunyukela, umntu afumane isatifikethi sika level 5 xa ephumelele

Ziqala nini izifundo?

Zonke ziyaqala izifundo kwiveki ezayo. Kwaye kuzakuthathwa abafundi abanebanga lesixhenxe ngokwemfundo yabo.

Le nkqubo yakwa ABET yayenzelwe abantu abadala, kodwa ngenxa yokubonakala ukuba ayakhula amanani abafundi abayeka phakathi. Baninzi abantu abatsha abangenayo kule nkqubo. Umntu onomdla wokungena kule nkqubo, makaye eSteve Biko Centre, ufune uMnumzana uMwelela Cele, nojongene nethala leencwadi leli ziko. Iklasi ziza kungena ukusuka ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu.

Kulindeleke abafundi abangamashumi amabini anesihlanu. Ivuleleke simahla kumntu wonke onomdla wokufunda.

Umntu angazithengela iincwadi zokubhala kuphela.

Kwaye ezona njongo zeli phulo kukuba kungabikho bantu bangakwaziyo ukufunda ingakumbi apha eGinsberg.

Ingaba ukhona umdla kwezi zifundo?

UCele ucacisile ukuba sele bekhona abantu ababonakalisa umdla, ukuba yinxalenye yezi zifundo. Kodwa bajonge mayelana nabafundi abangamashumi amathathu anesihlanu.

Kodwa baza kubona ukuba liyakhula na eli nani, ukuba sikhona isidingo baza kuqhubeka nale nkqubo.

Zeziphi izifundo eziza- kunikwa ingqwalasela?

Abafundi abazakunikwa ithuba lokubhala iimviwo, ngabo bangazange baphumelele kwiimviwo zebanga leshumi, ngonyaka ka-2012 neminyaka engaphambili. Abantu abazakubhala ezi mviwo kufuneka babe neminyaka engaphezulu kwamashumi amabini ananye.

Umntu kufuneka aphathe inkcukacha, ezichazayo ukuba waqhuba njani kwizifundo zakhe (statement of symbols). Kwaye bonke abafundi baseQonce neziphaluka bavumelekile. Ingakumbi abantu abasuka, eGinsberg.

Yintoni ephembelele ukuvulwa kweli ziko?

UCele uphefumle wenjenje mayelana nento ebaphembelele ukuba bavule eli ziko: “Sibone isithuba kwizinto esizenzanyo, siqaphele ukuba abantu abanga zange bafumane thuba lemfundo ephucukileyo, akukho nto sibenzela yona.

Abafundi abangazange baphumelele ibanga leshumi, kufuneka bafumane ithuba lokuphinda babhale iimviwo zabo.

Nantsi idilesi yaseSteve Biko:

1 Zotshie Street

Ginsberg

King Williams Town