I-UDM neDA ngengqawule

Umbutho weUnited Democratic Movement uqhwabele izandla uMongameli weli uCyril Ramaphosa emva kokupapasha ukuba ujonge ukukhulula ngengqawule amabanjwa akwishumi elinethoba lamawaka.

IOfisi kaMongameli idize ukuba oku kwenziwa ngeenjongo zokuphungula izinga lokunwenwa kwesifo seKhorona kwiintolongo zelizwe loMzantsi Afrika.

Unobhala jikelele kwiUDM, uBongani Msomi, uthi baxhasa oku ngenxa yokuba sele zibonakele iziganeko zokosulelwa kwabantu ezintolongweni, oko kusenziwa kukuzala kweentolongo zeli.

“Sisibonile isiganeko sokosuleleka kwabantu kwintolongo yaseMonti, nekusele kukho abantu abathe baphulukana nempilo yabo ngenxa yokosulelana,ukukhululwa kwabo kuza kuphungula inani ezintolongweni,” kutsho uMsomi.

Nangona kunjalo, iUDM ilumkise uMphathiswa weSebe lezoLuleko kweli uRonald Lamola ngelithi makangathwalisi uxanduva eli sebe lodwa ngalo mcimbi.

Ukanti inkokheli yeDA nekwanguMphathiswa wesebe loKhuselo loLuntu eNtshona Koloni, uAlbert Fritz, uvakalise ukuxhalaba sisigqibo sokukhululwa kwala mabanjwa esithi ufuna ingcaciso ebanzi ngendlela ekuza kuqhutywa ngayo ukukhululwa kwawo.