Ibala elitsha kraca eMbhashe!

USodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda, uMphathiswa uSibulele Ngongo kwakunye namaGosa aseMbhashe aweSebe lezeMfundo kwakunye nelezeMpilo kwibala elitsha kraca kuGatyane: UMFANEKISO: MBHASHE LM

Ukubakho kwezemidlalo ekuhlaleni kubonwa njengekhubalo elinokwehlisa izinga lolwaphulo-mthetho kwiindawo zethu zokuhlala. Oku kungqinwe nanguSodolophu woMasipala woMbhashe, uSamkelo Janda, ngoLwesithathu kule veki ngethuba lo Masipala kwakunye neSebe lezoLonwabo, iMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko benikeza ngokusesikweni ibala likanokutsho elibizwa ngokuba si-state-of-the-art edolophini kuGatyane.

UJanda uthi benguMasipala banesifungo sokuba kwiinqkubo zabo ezimalunga nokuphuhlisa intlalo yoluntu, abazukushiya ngasemva eyokuphuhlisa abantwana kwezemidlalo. Uthi ezemidlalo bakholelwa ukuba zinefuthe ekuqokeleleni abantwana ndaweninye zibasuse kwizinto abangafanelekanga ukuba kuzo.

“Sibanenkolo nethemba lokuba xa bexakeke zezemidlalo, abangekhe babenalo ithuba lokuzibandakanya kwizinto ezingenandawo,” utshilo uJanda.

Uqhube wathi olu uphuhliso zezinye zezinto ezaphakanyiswa ngabahlali kwindibano yeziCwangciso zoPhuhliso oluQhogeneyo, i-IDP ngamanye, besithi banqwenela kubuyele ezemidlalo. Kungoko ke uSodolphu ekwahlabe ikhwelo ebongoza uluntu ukuba luhambe iindibano zeIDP xa bejikeleza ukuze bakwazi ukuvelisa izimvo zabo abantu.

Ibala elitsha kraca eMbhashe nelijolise ukukhwebula uluntu kulwaphulo-mthetho. UMFANEKISO: MBHASHE LM

UMphathiswa uSibulele Ngongo nobezimase lo msitho wokunikezelwa kweli bala, uthe zelisetyenziswe nangubani na lingabingomhombiso kuba alikhethanga bani kodwa linonotshelwe. Uthi ngeli bala banika ithemba kubantwana abasakhulayo nakwabo bakwezemidlalo kuGatyane.

“Sicela oobhuti bethu noosisi bethu bazilolonge nali ibala livuliwe, masilisebenzise futhi silikhusele eli bala,” utshilo uNgongo.

Kwintetha yakhe uNgongo ukwakhuthaze abantwana abancinci esithi xa lingekafiki ixesha lokuzibandakanya nezemidlalo mababe bezibandakanya nenqkubo yeNkciyo ejongene nabantwanwa abangamantombazana namakhwenkwe aselula ngokweminyaka apho bafundiswa ngohlobo lokuziphatha ekukhuleni kwabo, esithi oko kwakubenza bahlale bekhuselekile.

Usihlalo weSport Council, uNkosana Mdabuka, uthi bazakuqinisekeisa ukuba liza kusebenziseka kakuhle eli bala ukuze noMasipala ukhuthazeke nangakumbi ukumane efaka isandla kubantwana abazakube bebaleka kweli bala.

Eli bala istate-of-the-art lokhiwe ngokwalemihla, ngaphakathi lineendawo zokuchopha likhuselekile – linendawo yokubaleka, yokudlala ibhola ekhatywayo, eyombhxo, eyomnyazi likwaneendawo zokuvasa eziphuma amanzi.