Ibalelwa kwizigidi ilahleko ebangelwe luqhankqalazo lweeyunivesithi

Iqikelelwa kumakhulu amane namashumi amahlanu anesithoba ezigidi zeerandi (R459 million) imali eyilahleko ngenxa yoqhankqalazo obelunyanzelisa ukuba zipheliswe intlawulo kumaziko emfundo ephakamileyo eMzantsi Afrika.

Oku kuvele ngethuba ebephendula imibuzo epalamente kazwelonke eKapa umphathiswa weli sebe ugqirha uBlade Nzimande.

Lo kaNzimande uthi bazakuqhuba uphando oluzama ukukhangela ukuba zeziphi iiyunivesithi ezizakufaka amabango ukuze zifumane imali yokulungisa lo monakalo.Ngenyanga kaEpreli walo nyaka, uNzimande uxelele amalungu epalamente ukuba ngamakhulu amathathu ezigidi kuphela imali eyilahleko ngenxa yolu qhankqalazo labafundi.

Le ngxelo ithi ngenyanga yoKwindla noCanzibe kuphela kulo nyaka umonakalo owenzeke kula maziko mfundo unyuke wayakutsho kwikhulu.

Ezinye kwezi yunivesithi ezithe zachaphazeleka ngokumandla ziquka iyunivesithi yaseRhawutini ngomonakalo ophaya kwikhulu lezigidi zeerandi, kuze kulandele iTshwane ngamashumi amathathu anesine ezigidi zerandi ize ilandele iVaal Univesity ngezigidi ezisixhenxe.

“Urhulumente ubinze ngemali ephaya kumashumi amane ezigidi zeerandi ukuncedisa iiyunivesithi ezinembali yokuhleleleka eziquka iFort Hare ukuze zilungise umonakalo owenzeke ngenxa yolu qhankqalazo,”utshilo uNzimande.

Ukanti iyunivesithi yase- Ntshona Koloni ifumene imali ephaya kumashumi amabini anesihlanu ezigidi zeerandi, ize iWalter Sisulu ifumane amakhulu amathathu ezigidi zeerandi.

Abafundi beeyunivesithi ezahlukileyo kweli bangene ezitalatweni kunyaka ophelileyo benyanzelisa ukuba kupheliswe intlawulo abazihlawula kula maziko mfundo befuna imfundo yasimahla.

Oku kwabanga ukuphazamiseka okumandla kwiiyunivesithi zonke zoMzantsi Afrika kwaza kwabakho ilahleko yezimali kuphazamiseka nenkqubo yokufunda nokufundisa. Uninzi lezi yunivesithi zisazabalaza ukubuyisela imeko esiqhelweni emva kolo qhankqalazo lathi lashiya isithunzi esibi kwimeko yemfundo yeli loMzantsi Afrika.

siyabulela.mqikela@inl.co.za