Ibali leqhawekazi lomhlaza webele

AKUBE ebhaqwe enomhlaza webele wayecinga ukuba ubomi bakhe buphelile, wayenxunguphele ngokwasemoyeni, esithi uyohlwaywa okanye inokuba sikhona isiphoso esibi awasenzayo kwiminyaka egqithileyo.

Le yayiyingcamango eyayisengqondweni kaLulama Mantanga, 37, ngethuba esothuswa ziindaba zokuba uphila nomhlaza webele ngo2015.

UMantanga uphakathi kwentaphane yamanenekazi oMzantsi Afrika aphila nomhlaza webele.

Ngokwekhalenda yezempilo, inyanga yeDwarha rhoqo ngonyaka iye inike ingqwalasela kwesi sifo (Breast Cancer Awareness Month).

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uMantanga uthi wayengathuthuzeleki, esola oPhezulu ngokumnika esi sifo.

“Ndandinxunguphele, ndicinga ukuba sisiphelo sam. Kodwa ngenxa yokufunda izinto ekufanele uzenze nemawungazenzi xa unomhlaza, oko kwenza izinto zangcono,” kubalisa le nzwakazi engumama kumakhwenkwana amabini.

UMantanga waye waqalisa unyango lokulwa nalo mhlaza.

“Ndaye ndenza ikhimotherapi iinyanga ezintandathu, eyaye yenza iqhuma lashwanca. Emva kokuba ndiphilile kuqhaqho, ndaye ndaqala iradiation (unyango lokutshisa iicell zomhlaza apho bekukho khona iqhuma),” kubalisa uMantanga.

UMantanga uphinde wafunyanwa enomhlaza kwakhona kulo nyaka.

“Yayiluhambo olunzima, lusenzima nangoku. Kufuneka ndomelele nokuba ikhimotherapi iwenzani umzimba wam,” kutsho le nzwakazi.

UMantanga uthi wayehlala enesicaphucaphu, eziva efuna ukugabha lonk’ ixesha, kodwa oku wayengakuvumeli kwenzeke.

“Bekunyanzeleka ndizinyanzele ngokutya rhoqo ndiziva ngathi ndiza kugabha. Bendingakwazi kulala kakuhle ngenxa yesifuthufuthu esenziwa yikhimo. Bendihlala ndidiniwe lonk’ ixesha kwaye ndidizi.

“Bekubanzima ukungcamla ukutya kuba umlomo wam ubuhlala umbi. Kwafuneka ndichebe iinwele nanjengoko ikhimo ibizenza ziwe. Bendingakwazi kuya kwiindawo zoluntu kuba amajoni omzimba wam bewebuthathaka, into ethetha ukuba bendinokubamba nasiphi na isifo ubani anaso. Bekufuneka ndihlale ndizivalele ekhaya lonk’ ixesha, nto leyo ibindenza ndidakumbe ngakumbi,” kubalisa uMantanga nagagene nako.

Nangona nje besikhe saphela esi sifo emzimbeni kaMantanga, bekufuneka ejamelene nomonakalo esiwushiyileyo.

“Njengosindileyo kuso akukho lula, ngelinye ixesha xa ubona imiqela esiyishiyileyo emzimbeni wakho ikwenza uzive udakumbile, kuba ikukhumbuza odlule kuko.”

UMantanga ufumana inkxaso nothando kusapho lwakhe, iqabane nezihlobo zakhe. Bebehlala bemnceda kwimisebenzi yendlu, becoca kwaye bemphekela.

“Wonke umntu xa endityelele bendimenza athethe ngaye ukuze ndilibale ngokwenzeka kum, oku kundincede kakhulu,” kutsho uMantanga.

Ngelokuzikhuthaza, uMantanga uthi uye azixelele ukuba mkhulu kunomhlaza kwaye alikafiki ixesha lakhe lokunduluka emhlabeni. Uye abukele imidlalo kamabonakude, amamele umculo kwaye ancokole nezihlobo zakhe kumaqonga onxibelelwano.

“Ndizixelela ukuba kuninzi ekusafanele ndikwenze kulo mhlaba. Ndinamakhwenkwana am amabini asadinga umama wawo kwaye andizimiselanga kuwashiya ngemva,” utshilo.

UMantanga wazibandakanya neqela lamanina aphila nomhlaza webele. Bazibiza AmaQhawekazi. Babelana ngolwazi namacebo okuqubisana nolwamvila lonyango.

“Silila kunye, sihleke kwaye sikhuthazane. Kuye kundenze ndizive ndingendodwa, bekhona abanye abantu abalwa nesi sifo sikhohlakele kangaka.”

Ucebisa abo basandul’ ukufunyanwa benomhlaza webele ngelithi mabanyamezele, bamamele imizimba yabo ukuze benze oko bakuxelelwa yiyo.

“Khangela izinto eziza kugcina uxakekile ukuze ungacingi ngokujamelene nako.”

Ecebisa iintsapho nezihlobo zabo banomhlaza webele.

“Ngelinye ixesha sidinga ukuba sibe sodwa, ukanti ngamanye amaxesha sifuna ukukhathalelwa. Yiba nomonde ngakuye, mphulaphule kwaye ungazibonakalisi ukuba unosizi. Mphathe njengomntu wonke, hayi isigulana.”

UMantanga uthi umhlaza uchaphazele indlela atya ngayo. Uthi uzifundise ukuthatha iivithamini ukuze omeleze amajoni akhe omzimba.

Uthi ukuya kuthuthuzelo lomphefumlo kumfundise ukuba angabinangxaki ukuba yedwa, ukulila nokwamkela ukuba abantu abazokuhlala bekhona ecaleni kwakhe.

Uthi abantu mabayihlole imizimba yabo kusengethuba. Amadoda azihlolele umhlaza wedlala lobudoda, ngelixa amanina esenza imemogram.

Eli qhawekazi lithi umhlaza ayisosigwebo sentambo.

“Umhlaza ayisosigwebo sokufa, ungawoyisa. Ndawoyisa kwaye ndisesemfazweni.”