Ibali letyendyana laseNgqamakhwe kwiSkeem Saam

Ibali lomqhubi wenqwelomoya uSipho Mangesi libaliswa kwiSkeem Saam

UBOMI bomqhubi wenqwelomoya oselula waseMpuma Koloni bubaliselwa izigidigidi zababukeli bomdlalo weSABC 1.

Ibali likaSipho Mangesi, 27, lilo kanye elibaliswa ngumlinganiswa onguLeshole kumdlalo oqhutywayo iSkeem Saam.

ULeshole Mabitsela ( odlalwa nguThabo Mkhabela ) yinkwenkwana esandul’ ukuphumelela ibanga leMatriki. Ikhaya aphuma kulo uLeshole likhaya lentsokolo, yena noyise omkhulisayo uBigboy balungisa iimoto ukuze bagxothe ikati eziko.

Uthe akuphumelela ibanga likaGrade 12 uLeshole, kunzima kunjalo, wazixelela ukuba inye into eyakukhupha ikhaya lakhe ebunzimeni, kukulandela iphupha lakhe lokuba ngumqhubi weenqwelomoya.

KwiSkeem Saam, esidlala rhoqo phakathi koMvulo ukuya kuLwesihlanu, kuzotywa ibali lokwenene likaMangesi, owathubeleza phakathi kweenzima ukuze afezekise elo phupha lokuqhuba iinqwelontaka.

UMangesi ubalisele I’solezwe lesiXhosa kudliwanondlebe ukuba, nangona nje ibali lakhe xa kunamhlanje likhuthaza uluntu, ingakumbi oontanga bakhe abasafuna ukufana naye, kodwa zibe ngaphaya iinzima neentlupheko athubeleze phantsi kwazo.

“Ndihlupheke kakhulu apha ebomini! Zininzi izinto endigqithe kuzo,” kutsho uMangesi.

Lo mqhubi wenqwelomoya uthi nangona ekhulele ezilalini zaseNgqamakhwe, efunda kwizikolo ezingenazixhobo, kodwa iphupha lakhe lokuba ngumqhubi wenqwelomoya zange litshabalale.

“Ndandiye ndithi xa igqitha (inqwelomoya) sidlala, ndibe nomdla kakhulu. Ndandiye ndizibuze ukuba iqhutywa njani, ingaba inazo iimpondo zokuqhuba njengemoto, okanye xa ijika yenza njani,” kubalisa uMangesi.

Eli tyendyana lithi lazithembisa ukuba ngenye imini lakuze lisebenze kwiinqwelomoya.

Uthi wayengazi ukuba njani, kodwa wayezixelele ukuba oku kuza kwenzeka.

Eli phupha lakhe laye lamhlala de wagqiba ibanga likaGrade 12 eJohn Bisseker High eMonti ze emva koko waya kufundela iinqwelomoya eBorder Aviation Air School.

UMangesi uthi kuthetha lukhulu kuye okokuba ibali lakhe latsala umdla kubavelisi beSkeem Saam.

“Yimvakalelo endingakwazi nokuyichaza xa ndibukele iSkeem Saam kwiSABC1 ndisazi ukuba babalisa ngam, inkwenkwana encinane yasezilalini.

“Kwezinye iziqendu uLeshole bekhe wanengxaki nesiqu sakhe esikhulu nengxaki yokubhabha. Ezo yayizingxaki endandijamelene nazo, kodwa mna ndandinengxaki nokuncipha kakhulu ngomzimba kwaye ndandifuna ukongeza ubunzima emzimbeni wam ukuze ndikwazi ukukhawulelana neemfuno ezazifunwa ngumsebenzi wam.

“Kumnandi ukuba yinxalenye yendima kaLeshole,” kutsho uMangesi.

UMangesi ukhuthaza abantwana abaselula ezikolweni, bambi abavise ubuncwane bokuhamba ngenqwelomoya.

simphiwe.freddie@inl.co.za