Ibango: IKumkani yamaXhosa ndim

UNkosana Vela Balfour-Noyi ethetha ngomnombo wamaKwayi esithi ngawo ebekufanele ukuba akhokele ubukumkani bamaXhosa

OBESAKUBA ngumantyi kwisithili saseGcuwa uNkosana Vela Balfour-Noyi, uthi sokuze atyhafe ekubangeni ubukumkani bamaXhosa obukumaTshawe, esithi esi sikhundla besifanele ukuba sikhokelwa nguye kuba soxuthwa nguTshiwo kukhokho wakhe uGando.

UBalfour-Noyi uliqale eli bango kwiminyaka yoo1990 emva kokwenza uphando phaya kwiminyaka yoo1980. Uthi ngokomnombo ubukumkani bamaXhosa, obukhokelwa nguKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu wamaTshawe, bekufanele ukuba bukwizandla zamaKwayi.

Oku kungokuba, ngokokutsho kukaBalfour-Noyi, uKumkani Gando kaNgconde wabhukuqwa nguKumkani Tshiwo, omnye woonyana bakaNgconde kwiminyaka yoo1700, emva koko boxuthwa ubukumkani. UGando wayeyinkulu kaNgconde logama uTshiwo wayeyinci, ngokokutsho kukaBalfour-Noyi.

Ethetha nephephandaba I’solezwe kutshanje, uBalfour-Noyi obhale incwadi ethi The Constitutional Revolution of AmaKwayi-AmaNgconde, uthi eli bango uzimisele ukulisebenzela nzima.

UBalfour-Noyi, othi uphuma twatse kumnombo kaGando, uthi uzivelele phantse zonke iinkalo ebekufanele ukuba uzivelele ezama ukubonisa ubunzulu “nokunyaniseka” kweli bango. Le ncwadi ayibhalileyo, ekulindeleke ukuba ipapashwe kungekudala, idakanca umnombo wamaKwayi kuquka nendlela akhe axhuzula ngayo imikhala yolawulo kubukumkani bamaXhosa.

“Thina singamaKwayi sithi uKumkani Gando wayengunyana omkhulu kaNgconde, eyiKumkani emva koNgconde, emva koko wabhukuqwa nguTshiwo. Ukusukela ngoko zange kuphinde kubekho iKumkani kwaXhosa kuba kaloku isiko lithi iKumkani iyakuba ngunyana omkhulu ozalwa yiKumkani ekhothamileyo.

“UTshiwo wayengabufanelanga ubukumkani kuba ngunyana omncinci kakhulu kwindlu kaNgconde. UTshiwo wabhukuqa uGando encediswa nguMdange noHleke namaDatshi. Sifuna ukuyilungisa lo nto, sivuse ubukumkani bethu,” utshilo uBalfour-Noyi, inzalelwane yakuCentane.

Kule ncwadi kaBalfour-Noyi, kukho isicatshulwa esibhalwe nguNjingalwazi Jeffrey Peires oyingcaphephe kwimiba yembali. Kwesi sicatshulwa, uPeires uthi: “NjengeNjingalwazi yezembali, ndinovuyo ukungqina ukuba amaKwayi asuka ngqo kumnombo kaTshawe, owabangumseki wobukumkani bamaXhosa.”

“Njengoko kubhaliwe kwincwadi: Ityala Lamawele ngu-SEK Mqhayi nakwezinye iincwadi zembali, uGandu ngunyana kaNgconde owayengunyana kaTogu, owayengunyana kaSikhomo, owayengunyana kaTshawe. UGando wayeyiKumkani yamaXhosa kwiminyaka yoo1700 ze wabhukuqwa nguTshiwo. UBalfour uphuma ngqo kumnombo kaGando,” kubhale uPeires kwincwadi kaBalfour-Noyi.

UBalfour-Noyi uxelele I’solezwe ngothotho lweendibano akhe wazibamba norhulumente ukuzama eli bango.

“Urhulumente usivumele ngoku ukuba singaya enkundleni. Yonke into ebekufanele siyenzile singamaKwayi siyenzile. Ndiyibhalele nePalamente yelizwe, ndiza kuya ePalamente ekuqaleni kwenyanga ezayo ndiyokwenza ingxelo malunga nobukumkani bamaKwayi,” utshilo uBalfour-Noyi, obeke phantsi iintambo ngo2013 njengomantyi waseGcuwa.

Ephendula koku, uKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu uyikhabile into yobukumkani bamaKwayi. USigcawu uxelele I’solezwe ukuba ubukumkani bamaXhosa babukhe bakumaCirha kodwa waboxutha uTshawe.

“Ubukumkani babusilwelwa kudala. Kuqala ubukumkani bamaXhosa babukumaCirha, uTshawe wabulwela. Makaxele [uBalfour-Noyi] le ndawo angena kuyo kubukumkani obukhokelwa ngamaTshawe. Ubukumkani bobamaTshawe, akukho nto eyakuze ijike apho,” utshilo uSigcawu.